Marabou Stork
Ingwamza

© Shem Compion
Marabou Stork.

Igama

Ingwamza

Inkangeleko

Ingwamza yintaka enkulu engaqhelekanga. Ngaphezulu amathambo ayo awanamongo. Kwintaka enkulu oluhlobo, oku kuyinceda ikwazi ukubhabha. Iimpiko zengwamza zingafikelela kubukhulu obuzi 2.6 mitha nobude obuyi 1.5 mitha. Iingwamza zinenqayi. Inkunzi zibonwa ngamalukuluku amakhulu asemqaleni. Kwaye iinkunzi zinkulu yaye zinde kune mazi. Zinemilomo emikhulu, enamandla. Zozibini izini zinemibala efanayo. Zineentsiba ezimbalwa, nombala oqumbileyo kwaye zinentloko enamachoza abomvu. Zingwevu emantla zize zibemhlophe ngaphantsi.
Amantshontsho asebuqina nawo analombala, kodwa owazo umbala ungwevu kakhulu. Amantshontsho aselula agqunywe ngoboya obungathi yiwulu entloko, kwaye intsiba zawo azibinawo lombala umnyama de abeneminyaka emithathu ubudala. Athi efika kwiminyaka emine abe sele eneentsiba ezipheleleyo. Umsila wayo othambileyo, omhlophe, waziwa ngokuba yi marabou. Intamo yayo nentloko azinaboya. Ingwamza inelukuluku elibubomvurha elijinga entanyeni yayo. Eli lukuluku lisetyenziswa kwimicimbi yokufunana. Elilukuluku liyi 18 intshi livuthamelanayo lipinki liye ligqame nakangumbi xakufikelele ixesha lokukhwelana. Liqhakamshelana nomngxunya wempumlo yasekunxele ukuze lentaka ikhuphe isandi esihroxozayo. Nangona ikholise ukuthi cwaka, Ingwamza iye yenze isandi esenziwa ngokuqhwabisa umlomo wayo, xa iziva isoyika.

Isidlo

Ubukhulu becala zitya inyama nengqokolela azifumanayo. Nangona zingabonakali inovelwano emehlweni abantu. Zinyancedisa ekucoceni indawo ezihlala kuyo, ngokususa ookhakhayi nezinye izinto ezibolayo. Iingwamza zincedisana nokunqana ukwanda kweentshlongwane. Zitya kwanto zidibana nayo, ukususela kwizinambuzane, iintaka ezinkulu nezincinci kunye nezilwanyana ezinamanqina amane ukuya kwilindle labantu kunye nee ndlovu ezifileyo. Zikwatya nookhakhayi bamaXhalanga nee ngcuka.

Ukuzala

Iingwamza zilalela phezu kwemithi, apho zithi zakhe iingqweji ezinkulu. Njenge White stork (Ciconia ciconia) ekusapho lwayo nazo ziyakuthanda ukubakufuphi nendawo ezihlala abantu. Ingwamza zikulungela ukukhwelana xaziqikelelwa kwiminyaka emine, kwaye ivamise ukuhlala neqabane elinye ubomi bayo bonke.
Ingqweji zazo zibankulu, ziliqonga elithe tyaba elenziwe ngamakhuni kunye zize zibenomngxunyana ongeko nzulu uqukunjelwe ngenkuni ezincinci namagqabi aluhlaza. Ivamise ukubeka amaqanda 2-3 ngexesha lokoma elingenazimvula. Izini zozibini ziyawafukamela amaqanda; amaqanda aqandusela kwintsuku ezingama 30. Amantshontsho awakwazi kuzenzela nto xa esandula ukuzalwa. Zozibini izini ziyawampelesa ziwafunze amantshontsho azo. Zithi ziyishiye ingqweji xazinenyanga eziyi 3-4.

Ukuziphatha

Iingwamza ziyayithanda imililo yengca. Zihamba phambi kwamadangatye zixhwile izilwanyana ezibaleka kulemililo. Zibhabha ngendlela enikisa umdla kwaye zizihlalela zodwa ixesha elininzi okanye zingamaqela amancinci. Amaqela amakhulu angabonwa kufuphi nendawo enokutya, xazifuduka okanye ngexesha lokuzala. Njengexhalanga elifana nenkukhu(Turkey Vulture), ingwamza ikhululela ilindle emanqineni. Unobangela woku kukuhlisa iqondo obushushu lomzimba, omnye ngowokuba yenza imilenze yayo ikhangeleke ingumbala omhle omhlophe. Lentaka yaziwa ngokungabina ntsholoongwane kwi tela yayo.
Njengezinye iintaka ezininzi, ingwamza iye iphefumlele phezulu xakushushu, nesi isenzo senzelwa ukwehlisa iqondo lobushushu emzimbeni wayo. Ezintaka ngamanqenerha indalo yawo. Zichitha ixesha lazo elininzi zime ngxi zingagungqi, nangona apho zithe zabhabha khona ibayinto entle ebukelekayo. Zisebenzisa umoya oshushu ukuzincedisa zisuke emhlabeni. Zibhabha nje umganyana omfutshane kwaye azizoncutshe ekubhabheni. Njengezinye iindidi zenNgwamza imilenze yazo emide ziyolulela ngasemva xazibhabha, kodwa umahluko kuzo ngowokuba zona ziyazitshonisa iintambo zazo ize igobe okukukanobumba u S; oku kwenzela ubunzima bomlomo wayo osindayo buthwalwe ngamagxa.

Intlalo

Kwindawo ezinamanzi, kwakunye nendawo eziphangaleleyo ezomileyo. Zivamise ukuhlala nabantu kwilali ezilobayo nakwi ndawo zokulahla inkunkuma.

Apho zifumaneka khona

eAfrika kumazantsi eSahara-Kwindawo ezinengca.

Igama lesi Latin

Leptoptilos crumeniferus