Izifo Zokungunda - Ukubola Komthi kunye Nokunqaphela Komdiliya

© AS Spilmont IFV Winetech

Ukubola Komthi

Ukubola komthi kubangwa yintsholongwane yokungunda ebizwa ngeEutypa lata. Iziphumo ibakukubola komthi ze kulandele ukufa kwamasebe omdiliya. Eyona mpawu iqaphelekayo yesifo sokubola komthi kwisidiliya kukuma mfutshane kwendibano malungu ekheyini kunye namagqabi amancinci.

Iingalo zesiqu somdiliya ezisuleleke kakhulu zingafa kwaye nezihlahla zemidiliya zivamise ukoma. Indawo ezidibana kuyo iingalo zesiqu somdiliya zibonakalisa ukufa komthi kulendawo ingu nxa ntathu. Intsholongwane yokubola komthi ingangena nakwimithi yemidiliya ngamanxeba avuleke ngethuba kuthenwa.

Isifo sokubola komthi singalawulwa ngokutshiza iidiliya ngqo emva kokuthena ngesibulali ntsholongwane yokungunda yekhemikhalo okanye iTrichoderma. Ukuba kuqale ukunetha ngethuba kuthenwa, kufanele kusose kuyekwa ukuthenwa ngoba amanxeba amanzi okuthenwa enza kubelula ukungena kwentsholongwane yokubola.

Izikere zokuthena kufanele zitshizwe ngesibulali ntsholongwane yonke imihla phambi kokuthena, nge sibulali ntsholongwane esifanelekileyo. Susa yonke imithi echaphazelekileyo ngoko nangoko emva koko wakugqiba uyitshise ukunciphisa amaqondo esivundiso kwintsimi yediliya.

Ukunqaphela Komdiliya

Ukunqaphela komdiliya sesinye sezifo zokungunda ezikhoyo eMzantsi Afrika. Intsholongwane yokunqaphela komdiliya iqala kwingcambu zomthi ze esi sifo siphuhle xa isityalo siphantsi koxinzelelo, umzekelo emva kokudibanisela imithi. Sinwenwiswa kukuthenwa.

Okwa ngoku akukabikho nyango lwaso esi sifo, kodwa ukunyanga izixhobo zokudibanisela umthi kunye neengcambu ngamanzi adiki-diki ngaphambi kokudibanisela imithi kubane ziphumo ezihle. Esi sifo singathintelwa ngendlela ezahlukeneyo: Ngoku fumana, phakathi kwezinye izinto, ezona zixhobo zokutyala zisemgangathweni.

Iingcambu ezincinci kunye neengcambu akufunekanga zishunqulwe kakhulu ngethuba zityalwa, kwaye imingxunya ekutyalwa kuyo kufuneka ibenzulu ngokwaneleyo ukuze iingcambu zikwazi ukuthi saa emhlabeni.

Translated by Zizipho Silwana