Ithanga kunye ne Hubbard Squash

© Louise Brodie
Green and orange pumpkins.

Igama le Sayensi: Cucurbit Maxima
Igama eliqhelekileyo: Ithanga kunye ne Hubbard squash

Inkcazelo Ngesityalo

Ithanga kunye ne Hubbard Squash zombini zindidi zezityalo ezikusapho lwe squash. Ezi zityalo zingabangathi ngamahlahla okanye kumaxesha amaninzi zibeziintambo ezinabayo emhlabeni. Izityalo ze thanga kunye ne Hubbard squash zithwala iintyatyambo ezizimazi kunye neenkunzi. Amathanga angohlulwa ngokwentlobo ezi orenji, mhlophe okanye ngwevu ngombala. Iindidi z ze hubbard’s zininzi kodwa ezona zixhaphakileyo zezo zinemibala eluhlaza ocacileyo okanye e-orenji. Kukho iindidi ezinkulu kuny nezincinci esele zixhaphakile ngoku.

Imisebenzi

Ithanga kunye ne Hubbard squash zisetyenziswa ekuphekeni, kwaye zingabiliswa, zifuthiswe, zojiwe okanye zojiwe. Zisenokucujwa kwenziwa ngazo isuphu, kungenziwa ngazo nee payi okanye izinto zokugcina ukutya kungonakali. Le mifuno ingumthombo omhle we beta-carotene, Vithamin A kunye ne Potaziyam. Imbewu izele yi Zinc, kwaye ingasetyeniswa esonkeni, kwii saladi okanye ityiwe injalo. Amathanga kunye ne squashs akwasisidlo esilungileyo sezilwanyana, njengoko maxa wambi amafama esebenzisa iintanga ezingakulungelanga ukuthengiswa, ukondla izilwanyana.

Iimfuno Zomhlaba kunye Namalungiselelo

Umhlaba oyisanti okwaziyo ukufunxa amanzi, ngowona ulungileyo. Umhlaba kufuneka ukwazi ukufunxa umhlaba kwaye ubeneqondo lezinongo zendalo eliphezulu. IpH yomhlaba kufanele ibephakathi kwe 6 kunye ne 7. Ukuba kuzakutyalwa isityalo sokugquma/sokukhusela esiluhlaza, oku kufuneka kwenziwe malunga neeveki ezili 12 ukuya kwezili 16 ngaphambi kokutyala. Ngeloxesha iintsalela zesityalo esigqithiliyo kunye nokhula kufuneka zihlakulelwe emhlabeni.
Sebenzisa idisk plough ukuhlakula umhlaba ongaphezulu ukuze ugangathe umhlaba emva kokusiphula iintsalela zesityalo. Hlwayela imbewu yezityalo zokugquma uze usebenzise I disk harrow kanye emva koku, ukuze kuzinze imbewu yakho emhlabeni. Oku kuvamise ukwenziwa phambi kokuba kungene iingqele zobusika, ukunika ithuba lokuba izityalo zokugquma zikwazi ukuntshula. Ukuze ukhulise isityalo sokugquma, kucetyiswa ukuba ugalele initrogen emalunga nama 150 khilogrem we LAN (28) kwi hekthare nganye, kanye emva kokuba sele zintshulile zili 10cm ubude.
Kwiveki ezimalunga neshumi phambi kokutyala, umhlaba kufanele uhlolwe. Kwiiveki ezintlanu ukuya kwezintandathu emva kokutyala, sika isityalo sokugquma/khusela uze ugalele izinongo ezidingekayo ngokweziphumo zohlolo lomhlaba. Ezi zinongo ingaba zi Gypsum, lime ye pH okanye iisuperphosphates. Kweli lixa galela imanyolo okanye umgquba, ukuba kukho imfuneko. Landelisa oku ngokuhlakula umhlaba kubunzulu obungama 500 mm ukuze kuxubeke yonke into kakuhle. Kwiveki phambi kokutyala, phinda ugalele isichumiso uze uhlakule nge disk harrow kubunzulu obungama 20 cm omhlaba ongaphezulu. Lungisa umandlalo wokutyala okokugqibela ngaphambi kokutyala imbewu okanye izithole.

Imozulu

Ithanga kunye ne squash ziyachuma kumaqondo obushushu alungileyo aphakathi kwama 20°C kunye nama 30°C ngexesha lokukhula kwezityalo. Amaqondo obushushu omhlaba kufanele abeli 18°C ubuncinane ukuze iimbewe intshule kakuhle. Kuba isityalo sithwala iintyatyambo ezizimazi kunye nenkunzi, kungcono ubene pesenti ephezulu yeentyatyambo ezizimazi njengoko oku kwandisa amathuba esivuno esiphezulu. Amaqondo angama 35°C nangaphezulu ngethuba kukhula iintyatyambo andiza isibalo zeentyatyambo ezi zinkunzi nto leyo inciphisa isivuno.

Iindidi Zesityalo

Kukho iindidi ezahukeneyo ezingaphaya kwekhulu onokukhetha kuzo. Kungcono ufune iingcebiso kwingcali yembewu ekufutshane nawe kunye nakwi extension officer. Kukwabalulekile ukufumana iingcebiso kwimakethi yakho nakubathengi. Tyala oko kudingwa yimakethi.
Ezinye iindidi zidweliswe ngezantsi:
Ithanga: Crown Prince, Flat white Boer, Ford, Jarrahdale, Long Island Cheese, Queensland Blue, Star 7001 kunye ne 7022
Hubbard Squash: Green Hubbard, Chicago Warted, Golden Hubbard, Essex Red kunye ne Blue Hubbard.

Translated by Zizipho Silwana