Ipaki iSimangaliso Wetlands Park

© Roger de la Harpe

iSimangaliso: Uyibonela Kude

"i-Wetland Park yiyo yodwa indawo emhlabeni apho esona silwanyana sidala emhlabeni: u- bhejane kunye nesona silwanyana sikhulu emhlabeni: indlovu zabelana khona ngenkqubo yendalo kunye neyona ntlanzi endala (i-coelanth) kunye nesona silwanyana esikhulu saselwandle)" - Nelson Mandela
iCape Vadal ese Simingaliso liziko laKwaZulu Natal. Kwaye izinto eziphawulekayo ngayo ngamahlathi, umnxeme kunye nedolophu ethandwa lusapho lonke.
iSimingaliso Wetland Park yabhengezwa njenge ndawo yokuqala yelifa lwemveli eMzantsi Afrika ngonyaka ka 1999 kwaye ixatyisiwe emazweni kuba iyindawo enobuhle bendalo futhi inenkqubo ezibalulekileyo ezigcina izilwanyana ziphila kunye nendawo yeenkqubo zendalo ezibalulekileyo.
Le paki ine hektare ezingange 332,00 ineenkqubo ezintantu zamanxweme, iinkqubo ezisibhozo zendalo ezidibeneyo, inkcubeko yokuloba eminyaka eyi-7- inemigxobhozo yamahlathi aseleyo e-Mzantsi Afrika, inenkqubo enkulu yolwande e-Afrika, ineindidi zeentaka ezingange 526 kunye neenduli ezisenxwemeni ezingange minyaka eyi 25, 000.
iPaki iphantsi kolawulo lwe-(iSimingaliso Wetland Park Authority) ibambisene ne Ezemvelo KZN ejongene nezokhenketho kunye no londolozo lwepaki, futhi nabahlali, abafana nabantu base-Bhangazi, abona bantu bokuqala ukuhlala pha kunxweme oluse-Mpuma. Sisivumelwano esingekho lula esifunwa ubambiswano phakathi kolondolozo kunye nokurhola kwabantu bendawo. Kwaye le yindlela ekufuneka zonke iipaki zase-Afrika zilawulwe ngayo, ekuhambeni kwexesha.
The development of iSimangaliso is ongoing. More than 14,000 hectares of commercial plantations have been removed and the land rehabilitated. Game species such as elephant, black and white rhino, buffalo, cheetah and wild dog have been reintroduced. iSimangaliso means ‘miracle and wonder’ in Zulu. It’s not difficult to see why. Uphuhliso lwe-Simangaliso lusaqhubeka. Kangange hektare eziyi 14, 000 zezityalo zorhwebo zisusiwe kwaye umhlaba ulungisiwe. Intlobo zezilwanyana ezifana nendlovu, ubhejane omhlophe namnyama, buffalo, cheetah kunye nenja yangasendle zasiziwe kulendawo.

Translated by Aviwe Damane

Amachibi Wendawo iSimangaliso Wetland

Indawo eyayisaziwa njenge paki yaKwaZulu Natal i-St Lucia Wetland, ngokusemthethweni itshintshwe igama yabizwa iSimangaliso, ‘indawo yemim...more

Indlu Yangasese Yakwi-paki iSimangaliso Wetland Enomboniso

Indlela zokuhamba iMziki ekwi Paki ese-Simangaliso Wetland ekuqaleni zazakhelwe ukuhlola nokubonisa umkhomba-ndlela zisakhiwa libutho lemfaz...more

Indawo yelifa lemveli-iSimangaliso

Imilambo emikhulu ekwipaki yase St Lucia, ebizwa kwelixesha iSimangaliso Wetland Park, yabhengezwa njengendawo yelifa lemveli ngomnyaka ka 1...more