Imveliso ye Canola

© Jean Tresfon
Amaqokobhe we canola asetyenziswa kakhulu ekwenzeni icanola oil okanye idityaniswa nezinye ii-oli ezityiwayo. Le oli ivunyiwe yi Heart Foundation, ngenxa yokuba phezulu kwi omega-3 fatty acids ezehlisa amazinga ilipoprotein cholesterol.
Isidlo se Canola kunye ne khekhe le oli, ezizimveliso ezenziwa nge oli, zinikeza protein yezilwanyana ingqolowa ye canola ingu 36% ukuya ku 46% kunye no 20% ukuya ku 24% we protein kunye ne canola oilcake eno 35% we protein. Kwamanye amazwe, icanola isetyenziswa ukuvelisa ibiofuel kunye nesichumisi esingaxutywanga.

Inzuzo yoku Jikeleziswa Kwezityalo

©Shem Compion
I-Canola sisityalo esikulungele kakhulu ukujikeleziswa, abanye abavelisi bachaza umlinganiselo we 10% ukuya ku 50% ukongezeleka xa kulandelwa ezinye iimveliso zengqolowa. Ngokuba kutheni? iCanola iyakwazi ukubulala iinkumbi nezifo kwizityalo kunye nezifo ezithile kwingqolowa, ezifana ne take-all, white ear, root knot nematodes kunye ne Phytophera.
Ivumela amafama okokuba asebenzise izibulali zenkumbi zengca ukutshabalisa ukhula olungafunekiyo ngokwenza oko iwancede acoce umhlaba kwingca yokhula ephazamisayo phambi kokutyala ingqolowa kwakhona. Ngaphandle koku iingcambu zayo ezomeleleyo zinceda ukwenza umhlaba uthambe.

Iimfuneko Zesimo Sezulu

©Marinda Louw
I-Canola iveliswa kwisimo sezulu esipholileyo. Isebe iDepartment of Agriculture, Forestry and Fisheries ye Canola Production Guideline ichaza okokuba u 21°C ukuba ulungele ukuyikhulisa kakuhle nobushushu bomhlaba obungu 15°C ukuya ku 20°C ukuze zikhule kakuhle. Ubushushu obungapha ko 30°C bunga zitshabalalisa izityalo ezichumileyo kwaye yenze isingxobo sibesincinci kunye nexesha lokukhula kwembewu de umyinge wemveliso nomgangatho uphazamiseke.
Kwimveliso elinywa kumhlaba owomileyo, kufuneka lom-mandla ufumane ama 300 mm wemvula phakathi kwenyanga ka April no October. I-Canola ayidibani nembalela ngexesha layo lokudubula nexesha lokuba ingqolowa ikhule igcwale.

Imfuneko Zomhlaba

©Chris Daly
I-Canola ingatyalwa kwintlobo zemihlaba ezohlukileyo, kodwa ikhula kakuhle kumhlaba ongemanzanga kwaye ongekho mxinwa, ongadamanga amanzi kwaye ongaphazamiswayo kuku tshabalaliswa ngumoya. Umhlaba ungcono xa unzulu, kuba ingcambu ye canola ingafikelela kubude obungu 100 cm. eyona pH yomhlaba engcono iphakathi kuka 5.5 no 7 KCI.

Translated by Zikhona Plaatjie