Imizuzu engama 90 yo Mdlalo Wokubhiyozela uMandela

© Eric Miller

World XI Vs Africa XI

Ngomnyaka ka 2007, nowawuhlelwe njengenye yemicimbi emikhulu yokuvuyisana no Mandela ngethuba egqiba iminyaka engama 89, inani eliqikelelwa kuma 35 000 abantu baqukana kwibala lebhola yombhoxo e Newlands Rugby Stadium ngemini ebandayo yase Kapa ukuzakuvuyisana nosuku lokuzalwa luka Mandela ngoku bukela umdlalo webhola ekhatywayo ongaqhelekanga phakathi kwe World XI yodumo kunye ne African XI.

Lomdlalo wawubizwa nge ‘Imizuzu engama 90, wokubhiyozela uMandela’. Lomdlalo wawunyusa ingxowa mali phantsi kwe nkqubo yophelisa ucalulo ngobuhlanga ethi FIFA ‘Say No To Racism’, neyayibonwa njengeyona nto ibalulekileyo elwelwa ngu Madiba. iFifa yazisa lenkqubo yokulwa no calulo ngobuhlanga ngonyaka ka 2006 ukulwa nengxaki ezikhulayo zabadlali abanyamezelene nezithuko ngobuhlanga kubalandeli, ingakumbi e Europe, kumaqela oMzantsi Afrika nawo abe enyamezene nezithuko ezifanayo.

Ngosuku phambi komhla womdlalo uMandela wanikwa isikipa esenzelwe lomdlalo, esine gama lakhe kunye nenani u 89 emqolo. Sasinayo nenombolo yentilongo yakhe ngaphambili-46664-neyayi bonisa lenkqubo nokubhengeza ulwazi nge HIV/AIDS

Yithi Hayi ku Calulo Ngobuhlanga

uMandela wenza umbulelo ngokuzithoba ngale nkqubo ye FIFA, kodwa waphinda wakhankanya ukuba ‘kufuneka kusoloko kukhunjulwa ukuba ndandingomnye wabaninzi abalwela inkululeko kucinezelo kunye nocalu calulo’.

Lamaqela ayeziziqu zalenkqubo ye ‘Say No to Racism.’ Iqela lase Afrika linxibe mhlophe ze elinye lanxiba mnyama.

Lo mdlalo wadlalwa ngendlela yase Robben Island, ngethuba uMandela wayesesiseleni sesi siqithi, iMakana Football Association, neyathi yasebenzisa imithetho ye FIFA.

uNelson Mandela wayebukela imidlalo yabo esesiseleni kuba abavaleli bakhe babengafuni axubane nabadlali. Exesheni bokha idonga ukumthintela angabukeli.

Ngaphezu Komdlalo Nje

Ngemini yomdlalo,Usekela Mongameli we FIFA u Jack Warner wancedisa ekubhaliseni kweli qela, Ukubulela Ififa, uNelson Mandela waphendula ngomyalezo oshicilelweyo nowapapashwa kumabona kude omkhulu. ‘Ngethuba leminyaka emnyama yokuvalelwa kwethu, lombutho waqokelela onke amabanjwa asesiqithini ukuba abukele umdlalo omhle webhola ekhatywayo.

Ngalendlela kwanceda ekugcineni ukuquka wonke umntu kunye noxolelwanp. Kunye nokunga calulani ngobuhlanga, into ezi esisazigcina nanamhlanje. Waqhubeka ‘Lomdlalo ungaphezu komdlalo nje; uluphawu lwamandla ebhola ekhatywayo ukudibanisa abantu behlabathi lonke endaweni enye, kungakhathaliseki noba bathetha luphi ulwimi okanye ngabeliphi ibala.’

Iingqwela ze Bhola Ekhatywayo Zazimasa

Umpetha webhola ominyaka imashumi mathandathu,uPele wayekhona kwiqela le World XI, emva kweminyaka engamashumi amathathu wathatha umhlala phantsi kulo mdlalo. Wabalisa ngendlela aziva ewongeke ngayo ngokubayinxalenye yalenkqubo, kuba wayefunde izifundo ezininzi ngobomi ku Mandela.

‘Kufuneka siqhubeke ukulwela oko kwaqalwa ngu Mnu Mandela, elwelisa ucalulo ngokobuhlanga nocalulo jikelele’, watsho uPele. uGeorge Weah wase Liberia, nowayesaku wongwa ngokuba ngumdlali wehlabathi nokwaziwa ngekwahluleka ekuzameni ukuba nguMongameli wase Liberia, wathi, ‘Ndingunyana ka Mandela.

Ukhuthaze izigidi kwihlabathi lonke liphela. Logama, nowayesakuba ngumdlali wase Europe, nowayengumdlali wangaphambili wama Dutch u Ruud Gullit, wathi isifundo awasifunda kubomi buka Mandela sesokuba ‘ Ithemba lihlala likhona. Ukuba uyazithemba kwaye ulwele into okholelwa ukuba ilungile, uzakuphumelela’. Iziphumo zalomdlalo yamangamanqaku amathuthu macala.

Translated by Zizipho Silwana