iLinywa njani iPearl Millet

iPearl Millet, elinywa kakhulu ngenjongo zokondla iintsapho eMzantsi Afrika, kulula ukuyilima, kwaye ayixhaphakanga kwi nkumbi nezifo nje ngamazimba, umbona, okanye ezinye iingqolowa. Le mbewu incinane kufuneka ityalwe phakathi kuka October ukuya ku November, xa imeko yesimo sezulu ivuma iyakudubula kwintsuku ezintlanu. iPearl Millet ikhula iingcambu ezinzulu kakhulu ezifikelela emhlabeni ongazange wafikelelwa zezinye izityalo. Uvavanyo olwenziwe eMzantsi-Mpuma we melika ubonakalise ipearl millet ingasebenzisa izinongo ezithe zaqokeleleka ezantsi kwengcambu zezinye izivuno zefama.
Nangona ikwazi ukunyamezela imbalela, ipearl millet iyayidiga imvula ngexesha loku khula kodwa ayiwafuni amanzi amaninzi ngexesha lokudubula kwayo. Ikhula kakuhle kwimihlaba engaxinenanga, ene pH esezantsi ye 4.5 – uya ku 5.5 kunye nemihlaba ephezulu kwi aluminium, kodwa ayikwazi kukhula kumhlaba oludongwe ome amanzi. Ikhula kakuhle kakhulu xa ifakwe izichumisi naku jikeleziso lwezityalo xa idityaniswe neembotyi. Iimbotyi ezifana ne cowpeas zibuyisela initrogen emhlabeni.

iZivuno

Amakhulu-khule entyatyambo apakakishwe kwimigqomo ejonge phezulu (rachis) ehluka ukususela ku 15 ukuya ku 140 cm. kwintsuku ezingama 40 emveni kokuchunyiswa, imbewu kufuneka ilungele ukuvunwa. Phantsi kwemeko ezilungileyo iintlobo ze pearl millet zingavelisa ku 3-4 ton/ha xa kuqathaniswa kuma 300 ukuya ku 800 kg/ha xa ukufuma nokutyeba komhlaba zingeyiyo ingxaki. Imizekeliso iFlorida, neMelika zibonakalise okokuba ukusondelanisa imiqolo nge 13 cm ibeneziphumo zesona sivuno sikhulu- kuqikelelwe ku 5,5 ton/ha xa kuqathaniswa ku 3,7 ton/ha kuma 76 cm okubhekeliswa phakathi kwemiqolo.
Ngesiqhelo iPeal Millet ayidingi zibulali zinambuzane kodwa ulawulo lokhula oluluqilima luyadingeka. Izifo kwi pearl millets azisasazeki kakhulu; ezona zifo eku balulekileyo ukuzijonga yi mildew, seed rot, rust, ne grain moulds. Ukujikeleziswa kwezityalo kunye nezityalo ezingahambelaniyo yeyona ndlela ingcono yokulawula izifo. Oku kuthintela uninzi lwentsholongwane zingaqokelelani emhlabeni. Imillet evuthiweyo iyathanda ukutyiwa zintaka; jonga isivuno uvune umkhondo wembewu xa iinkozo zivuthiwe.

uKuvuna

iintloko ze Pearl Millet zivunwa kwintsuku ezingama 40 emveni kokudubula, izinga lokufuma kufuneka liba ku 15%. Kuvunwa ngesandla (ngemela okanye isixhobo esibukhali) okanye kusetyenziswe isivuno esidityanisiweyo. Ukuvunela ukudlisa izilwanyane kungcono xa kwenziwe ngomatshini xa iintloko zivela. Izixhobo zokuvuna kufuneka zilungiselelwe ukubhula iinkozo ezincinci ngokupheleleyo, njengoko imillet engabhulisiswanga umgagatho wayo usezantsi. Emveni kokuvuna, iintloko ziyomiswa emhlabeni okanye esixovulelweni sokubhula. Ukudibanisa nokudubula kwengqolowa kungenzeka xa ingqolowa ingomanga kakuhle.
iPearl Millet kunganzima ukuyicola. Ingqolowa idinga okokuba kususwe amakhatshu phambi kokuba igutywe. Ngesiqhelo asuswa ngesandla, lendlela ivelisa isivuno esiphantsi somgubo, kuqikelelwa kuma 75% wepesenti.

Translated by Zikhona Plaatjie