Ikhethwa njani iNkomo yo Bisi

Ukuhlola Inkomo Yobisi

©Ayrshire Cattle Breeders’ Society
Iinkomo zobisi ezithengiswayo kufuneka zihlolwe ukuze kubonakale okanye kwaziwe imvelaphi yazo. Imvelaphi ichazwa ngumbala nendlela oyiyo kwi (Holsteins) inemibhalo (tatoo) osezindlebeni kwi (Jerseys). Ukongeza, inkomo ingabonakala ngendlela umzimba ome ngayo (ingakumbi umboko, amazinyo, iinyawo, nemilenze, amabele kunye nee ngono kunye nemeko yomzimba. Amabele kufuneka ahlohlwe (aviwe ngesandla) ukuba likhona ubisi, ukudumba okanye izigaqa, ezichasa usuleleko lwe mastitis. Isikhumba sebele kufuneka sithambe, sikhazimle, kwaye amabele wona angabikho makhulu kakhulu, athi nca emzimbeni nengono ezomeleleyo.
Ukusondela xa uhlola izilwanyane kuye kubonakalise ubundlobongela bazo. Ungathengi iinkomo ezibonakalisiweyo kuba zinga lixabiso eliphezulu kodwa imveliso yobisi ibe ithandabuzeka. Iinkomo ezilungele ukuthengwa zezi zivelisa ubisi elikumgangatho ophezulu, kufuneka kusetyenziswe ukutya okufanayo nakwi fama ezintsha.

Ukuthenga iiNkomo zo Bisi Ngemali Encinci

©Chris Daly
Ingaba uthenga iinkomo ngemali encinci? Khawuthenge iinkomo ezindalana kwaye ezikwaziyo ukuzala kuba ixabisa lazo lingase zantsi kuba iinkomo ezindala ezithengwa kakhulu. ‘ ixabiso lokuxhelwa’ libasezantsi kune ‘xabiso lofuzo’ xakuthethwa ngovelisa ubisi. Kodwa ke ezinkomo ziyakwazi ukumitha logama zisavelisa ubisi kwizinga eliphezulu kunexabiso lokutya ezikutyayo. Ukuqinisekisa imveliso yobisi eqhubekayo kunyaka wonke, Thenga iinkomo zobisi ezincancisayo, ezisaqalayo ukuncancisa kunye nezimithiyo. Xa uthenga iinkomo ezingenalo ubisi, usuku lokuzala kufuneka lube lukwi nyanga ezimbini ukusesela ngosuku lokuthengwa. Xa imali ininzi yokuthenga, Thenga iinkomo ezine zinga eziphezulu lofuzo kuqala ulandelise ngenkomo eziphuma ubisi. Azibinazo iingxaki zokuzala kunezo zincinci ziqalayo ukuzala. Xa uthenga iinkomo ezizimazi ezincinci ezimithiyo, ulwazi ngokubaluleka kokuzala iinkunzi kufuneka kwaziwe ukuze kulungiselelwe xa inkomo ingakwazi ukuzi zalela. iDystocia kuxa ithole lixinga xa lizalwa.

Translated by Zikhona Plaatjie