Iflegi Yesizwe yoMzantsi Afrika

Iflegi yesizwe, neyaqala ukusetyenziswa ngomhla wama 27 Apreli 1994, yenziwa ngu Mnu. Fred Brownell, owayesakuba si State Herald soMzantsi Afrika. Imibala kunye nokwenziwa, yacatshulwa kwimbali yeflegi eyayi setyenziswa eMzantsi Afrika.

©Roger de la Harpe

Imibala eyahlukeneyo kunye nendlela edityaniswe ngayo ithetha izinto ezahlukileyo kubantu abathile, ngoko ke akukho ngcaciso inye yalemibala. Eyona ndawo ibalulekileyo kule flegi iqala kulendawo ingakwi pali exhonywa kuyo, lendawo ingathi ngunobumba u’V’ noye ahambe ehle ngomgca uyokuma ekupheleni kwelinye icala.

Oku kuthetha ukudibana kwabantu bonke abohlukeneyo boMzantsi Afrika, nabathabatha indlela enye eya elumanyanweni. Olu manyano nokudibana kusuka kwi motto ye South African Coat of Arms – Umanyano ngamandla.

Ukuphakamisa Iflegi

©Roger de la Harpe

Xa kuphakanyiswa iflegi kufuneka kulandelwe imigaqo ethile ngendlela ebhalwe ngayo kwi Government Gazette 22356, Notice 510 of 8 June 2001. Ukuba uphakamisa iFlegi yeSizwe soMzantsi Afrika uyixwesisa (horizontally) le ndawo ibanentambo kufuneka ibe ngasekunxele ze lomgca ubomvu ubenga sentla.

Ukuba uphakamisa le flegi ngobude (vertically) uzakuyixhoma edongeni, lomgca ubomvu kufuneka ubekwelicala langasekunxele lombukeli, le ndawo ibane ntambo ibengasentla.

Kwintlanganiso ka wonke wonke, xa iflegi yesizwe ixhonywe ecaleni okanye emva kwesithethi, le flegi kufuneka ibekwe kwicala langasekunene lesithethi. Ukuba ibekwe kwenye indawo entlanganisweni, ngoko ke kufuneka ibekwicala langasekhohlo lababukeli.

Translated by Zizipho Silwana

Imbali Yamaphawu Esizwe oMzantsi Afrika Omtsha

Emva konyulo lokuqala lika wonke wonke ngomnyaka ka 1994, iKomishini Yamaphawu Esizwe-National Symbols Commission yathatha uxanduva lokubuza...more

Amaphawu Esizwe oMzantsi Afrika

Amabhadi zizilwanyana ezihlala ngokwemihlambi efuduka ngamaqela amancinane ngexesha lasebusika, ze ahambe ngemihlambi emikhulu ngeenyanga za...more