iChildren’s Fund ka Nelson Mandela Imibhiyozo yango 2007

© Eric Miller

Eyona Ndoda Ilungileyo Ehlabathini

Imibhiyozo ka Nelson Mandela ngomhla agqiba iminyaka negama 89th ezelwe, yaphumela komnye umjuxuzo wangemini elandelayo ngo Lwesibini, 24 July, 2007 kwi ofisi ze Nelson Mandela Children's Fund offices eJohannesburg nalapho u Mandela wayencume oluka bhlankethe ngethuba asika ikeyki enkulu, esanga abantu esamkela izipho kunye ne pati yabantwana ayenza minyaka le. Ecaleni kwakhe kwabe kukho u Graca Machel.

Iminqeno emihle yayipelwe luninzi lwababantwana bangama 300 ngolwimi olumnandi. Omnye wambizza nge ‘Ngelosi yezulu’ u Robert ominyaka mihlanu yena wabhala, ‘ Uyeyona ndoda ilungileyo ehlabathini’; uFranco, ominyaka mine, wathi uMandela waye ‘Ngumphathi welizwe lonke’, logama u Olerato, ominyaka mihlanu, wathi, Uyeyona ndoda ibalaseleyo yakhe yaphila’.

uZolile Cele, ominyaka ilishumi elinanye, wanika uMadiba isitulo esivalwayo esasenziwe ngabanye afunda nabo kwisikolo sabantwana abanezidingo ezahlukileyo besikolo sase Forest Town e Johannesburg.

Ethetha ekwisitulo sakhe esinamavili, wathi ukudibana kwakhe no Nelson Mandela kwaku ntswempu, uyinto enkulu kum’. ‘ Xa uMnumzana u Mandela ebona abantwana, uvele anyibilike. Basenyongweni kuye’ Kwaphawula u Tumi Mdwaba, isithethi esibhinqileyo se Nelson Mandela Children's Fund.

Translated by Zizipho Silwana

Rebranding Mandela

Ukuduma kuka Mandela kwakuyimbali, kwaye ngokwe saveyi eyenziwa ngo Meyi ka 2007 isenziwa yinkampani yophando iMarkinor, wayesiya eduma ngok...more