Ezenkolo kunye neeNkolelo Zama Tsonga

Ukunqulwa Kwezinyanya

©Dr Peter Magubane

Namhlanje linani elingaphaya kwesiqingatha lohlanga lwamaTsonga abahamba iicawe zobuKrestu, ingakumbi iicawe ze Independent Churches okanye iEvangelical Presbyterian Church (neyayi fudula iyi Swiss Mission). UbuKrestu butsala inani elininzi labantu, ingakumbi kwiidolophu ezinabantu abafundileyo.

Kodwa ke, ezilalini iinkolelo zesintu zisamile. Ngokwesintu uninzi lwamaTsonga lwalukholelwa ku Thixo, owadala umntu kunye nayo yonke indalo. Iinkolelo zamaTsonga zilele ekunqulweni kwezinyanya. Bakholelwa ukuba umntu unomzimba wenyama (mmiri), kunye nomzimba womoya ozintlandlo ezimbini, moya kunye ne ndzuti. Umoya (nowayanyaniswa nomphefumlo) ungena emzimbeni ngethuba umntu ezalwa, ze ekufeni lomphefumlo uphume uye kudibana nezinyanya.

Indzuti yona yayanyaniswa nesithunzi somntu kwaye sibonakalisa indlela umntu ayiyo kunye nezimbo zakhe-sesi sithunzi ke esi siye sishiye umzimba siye kwilizwe lemiphefumlo ngethuba umntu elandulela eli. Umphefumlo womntu oswelekileyo (swikwembu) udityaniswa nomntu kunye nezimbo zakhe/indlela ayiyo. Bukhona ubomi emva kokufa, kodwa xa umntu efika kwilizwe labafileyo, uyaqhubeka nokuqhakamshelana nabo basaphilayo.

Kuninzi lwabantu bohlanga lwamaTsonga namhlanje, uluntu luthetha abantu abaphilayo kunye nabo sele belandulele eli. Ukwenza indlela ibelula kumphefumlo womntu osandula kusweleka xa esiya kwilizwe lookhokho/lezinyanya, kufuneka kwenziwe umsebenzi wolwamkelo kwisithuba nje esingephi emva komngcwabo. Ukufa kwelungu losapho kubangela ukuba zonke izihlobo zingabinyulu, ngoko ke kufuneke ukub kwenziwe umsebenzi wokuhlanjwa. Le misebenzi yenziwa ngamaxesha ohlukilyo osuku, kwisithuba seenyanga ezithile.

Indlela Yokunqula

Izinyanya zisanqulwa nanamhlanje. Ukunqulwa kwezinyanya kudinga ukwenziwa kwamasiko, ingakumbi ngethuba leengxakii. Lamasiko enziwa phantsi kwemiyalelo neengcebiso zegqirha (nanga). Usapho luye luthi nqwadalala kwi gandzelo (nebekelwe bucala ukwenzela amasiko namadini) ukuze kunqulwe izinyanya. Ukutya neziselo zibekwa njengamadini enzelwa izinyanya. Oku kwenzelwa ukubulela izinyanya ngokukhusela la malungu osapho.

Izicelo ziyenziwa mayelana neengxaki ezijamelene nosapho. Izinyanya kusenokuthethwa nazo ngomthandazo ngaphandle kokwenziwa kwamasiko okanye kuxhelwe Uhlanga lwamaTsonga luyakholelwa nakwimimoya engcolileyo nelungileyo. Imimoya elungileyo izisa imvula yenze nokuhle ebantwini. Imimoya engcolileyo/emdaka (buloyi) isetyenziswa ngamagqwirha (baloyi) nasenokwenza umonakalo omkhulu eluntwini.

Igqwirha lisenokusebenzisa umoya ongcolileyo ongaphakathi kulo ukwenza okubi. Kodwa ubuloyi busenokungena emntwini nje oqhelekileyo abe yena engazi, ze bumane bushiya umzimba wakhe ebusuku ngethuba yena elele. Xa umntu enalomoya ungcolileyo wa baloyi uvamise ukwayanyaniswa nokugula okungapheliyo kunye namashwa.

Ukugula ngalomaxesha kuyamkelwa njengento eqhelekileyo yobomi. Kwaye amaTsonga amaninzi akholelwa ekubeni umntu ogulayo uzakuphila ngexesha lakhe. Ukuphila kungakhawleziswa ngemayeza esintu enziwa ngamalungu osapho anolwazi ngawo. Kodwa ke, ukuba isigulo sixhalabisekile, okanye amashwa awapheli, elo ibali phawu lemimoya emdaka, kwaye kufuneka kufunyanwe ichiza ngokuthi kudityanwe nosiyazi.

Ukuphephethwa buloyi kwenziwa ligqirha nabalibiza nge nanga okanye imungoma, noye athi aqhagamshelane nabaphantsi ngokuphosa amathambo, amakhoba aselwandle okanye ezinye (tinholo or mavula) izinto phantsi. Itinholo zifakwe entweni eyinkonkxa ze ziphoselwe phantsi oku kwamadayisi. Ziye ke ziphoselwe ekhukweni. Kuxhomekeka kwindlela eziye ziwele ngayo phantsi, igqirha liye likwazi ukuchaza unobangela wesigulo kunye nendlela esinokunyangwa ngayo.

Translated by Zizipho Silwana