Ekhaya no Dr. Peter Magubane

© David Meyer-Gollan

Umsebenzi woBomi

Igumbi lokuphumla emzini ka Dr. Peter Magubane ligcwele zimbiza ezikhazimlayo ezenziwe ngentsimbi kunye nemisebenzi yezandla eyenziwe ngomthi. Kwi kona kukho isixhobo somculo/sokukhwaza sakudala esaziwa ngokuba yi gramophone esihleli ecaleni kwefoto elimfanekiso umnyama namhlophe lakhe, ekhalisa ixilongo.

Xa ujonga ngemva kwalomnqwazi weniwe ngengca, umfanyana osaze ngobuso ezweni wase Sophiatown wayeme ngokuzimisela ngemva. Njengoko ehleli ngaphambi kwefestile, ukukhanya kuthe tha buveza inwele zika Dr. Magubane zodumo ezimhlophe.Owona mfanekiso sishiyeke nawo walendoda ngowo kuba umsebenzi wayo ubungahlukani nawo kwithuba elingange siqingatha senkulungwane sembali yoMzantsi Afrika.

Ukusuka ukuba nguMqhubi nokuba yiNtatheli ethatha imifanekiso

ESophiatown ngonyaka ka 1955. Kungobusuku bangomgqibelo. Abafana abanxibe kakuhle no sisi banxibe ngoko mgangatho ophezulu baphumile base dolophini, banxibele ubusuku. Izihlangu eziphakamileyo ziyachopho chophoza kwezo zitalato zinotuli. Umculo omyoli we Jazz ukutsalela kwindawo ekufutshane yolonwabo.

Ngaphakathi kukhala isingqi sesaxophone, abanye bayaxoxa ngokwenzekayo ekuhlaleni. Ekoneni , umfana omhle oneminyaka ingamashumi amabini anesithathu (23), uPeter uthetha iindaba nabahlobo bakhe be Drum, uThemba ‘inkosi yesingesi’ no Bob Gosani ‘ Oyena mfoti ubalaseleyo’ .

Ngexesha elingaphantsi kunyaka uPeter usebenze nzima wenyukela kwi Drum ukusuka ekubeni ngu mqhubi wemoto ukuyoba ngu Mfoti zindaba. Aba bathathu ke ngabanye benkanyezi ezikhuliswe yi Sophiatown. Nangona abanye bakhetha ezepolitiki ukujongana nokuhleleleka ngezentlalo okwenziwe lubandlulo. uPeter yena wakhetha ikhamera. Uyaveza ke uthi, ‘Bendifuna ukushicilela ndiveze ubomi babantu abamnyama eMzantsi Afrika ngela xesha’ . uthi ke yilonto eyamkhokhela kumsebenzi wokuba ngumfoti.

UPeter ke ngonyaka ka 1955 wayengena lwazi lokuba iminyaka ezayo imphathele ntoni. eSophiatown, namhlanje. Njengokuba uPeter eqhuba eSophiatown esiya eSoweto , ukhumbula ubuntwana bakhe abuchithe kwezi zitalato. Izindlu zakudala zabantu abasebenza emayini, ezakhiwe kubugxokogxoko be Sophiatown zenzelwa indawo ephucukileyo yabamhlophe ebizwa ngokuba yi Triomf (‘Triumph’) , eme kumhlaba ogcwele, yimbali. Kunzima ukucinga intsuku zakudala ze Sophiatown eyazala amatsha ntliziyo kunye nabochwephesha abanje ngoPeter.

Ezo zitalato zine nkumbulo zobukhwenkwe bakhe: iKhamera yokuqala utata wakhe awathi wamnika yona, uthando luka mama wakhe nengqeqesho yakhe, umzi omncinci okwebhokisi ye matshisi owawugcwele ngamalungu osapho lwakhe, ukuhlatywa ngenye imini edlala phandle.