Chacma Baboon
Imfene Chacma

© Nigel Dennis
Imfene.

Igama

Chacma Baboon or Cape Baboon Imfene I Chacma (Papio ursinus)

Inkangeleko

Imfene iChacma sisilo esi khulu esi mandla, ubuso bukhangeleka okobo benja,inamazinyo amakhulu abalaseleyo. Inkunzi ekhule ngokugqibeleleyo ibude bunga 1,5m usuka entloko ukya emsileni ubunzima obu 33kg, imazi ezacileyo noko ino bude 1,1m no bunzima obu 15 kg.

Ukutya

Esi silo sitya imifino kunye nenyama, phantsi kwe mmo yendalo zitya iziqhamo zase ndle, iimbewu kunye nezinambuzane, noononkala, nofele lwezilwanyana ezincincane kunye nofele lweentaka ngamanye amaxesha. Kuye kubekho amaqela akhetha uhlasela isivuno, kodwa iimfene aziye zihlasele iifama zombona neziqhamo

Inzalo

Iimfene azina xesha limiselweyo lokudibana ngesondo ziyezidibane nanini na zifuna. Zikhulelwa iintsuku ezili khulu elinamashumi amane, emva koko ziye zifumane intshontsho libe linye. Imfene Chacma zizingelwa kakhulu yi Ngwe kunye ne Ngwenkala.

Ukuziphata

Iimfene ziyakwazi uba nobundlobongela ngamaxesha athile. Iyaziwa into yoba zilwa ngamandla xa zithe zahlaselwa. Iqela leemfene liye libe linani eli 50 – 100 lomelele kwaye liyayiphuhlisa indlela yalo yokuphila ngohlobo oluneqhinga.

Zifumaneka Phi?

Iimfene ziye zifumaneke kakhulu, kwiindawo ezi ngamahlathi anemithi eyomileyo, entlango kunye nase zintabeni. Oluhlobo lweemfene luphantse uku thathelwa isikhundla sisihlobo saso sase mantla Imfene emthubi. Zisasazwe e Mzantsi Afrika nakumanye amazwe akufutshane.

Amanqaku

Noxa zixhatshazwa kakhulu yiNgwe, ziyezikwazi ukuzilwela ngokweengxelo. Kwi ncam Kapa ezimfene ziye gqugqise kumakhaya abantu, ingxaki ke engekabi nasi sombululo okwa ngoku.