Blood Lily
Inkuphulwane

© Nigel Dennis
Blood Lily.

Igama

Inkuphulwane

Igama lesi Latin

Scadoxus Puniceus (Haemanthus Magnificus)

Inkangeleko

Inkuphulwane yintyatyambo emangazayo. Ikhula ifikelele kuma 500 mm ubude kweye ibomvu-ntsundu umbala wayo kunye nesiqu esiluhlaza obengezelayo, namagqabi angathi ngamaza. Le ntyatyambo ingumangaliso, nenobubanzi ubungama 150 mm, inamagqabi abomvu ukuya ku bomvu-mdaka ajikeleze iintyatyambo ezi orenji othinzileyo okanye ezi bomvu. Le ntyatyambo idubula ukuqala kweyeDwarha ukuya kweyeNkanga.

Apho ikhula khona

Ingabonakala ikhula emthunzini kwindawo ezinengca okanye ezinamatye. Ikhula kwi Phondo lo Mntla koloni.

Imbewu

Amaqunube ayo athambileyo asisidlo esithandwa ziintaka nono matse.

Amanqaku asendle

Inkuphulwane yayikade isahlulwa njenge Haemanthus magnificus, isandula kususwa koluluhlu ngenxa yamagqabi ayo acukeneyo. Ingqakumba zenkuphulwane zinetyefu kwaye zinganobungozi xazityiwe zaninzi, kodwa ziyadityaniswa neengcambu ukunceda izigulo ezifana nengqele, isifuba kwaye zikwa nceda nokuthomalalisa ubungozi betyefu emzimbeni.