Baboon
Imfene

© Roger de la Harpe

Igama

Imfene (Papio sp.)

Ukutya

Imfene sisilwanyana esikhulu esina mabamba amakhulu, esitya yonke into - izityalo nenyama - ukusukela kwingca, iimbewu, iziqhamo, iinkowane, amacikilishe, izinambuzane ezithile, imivundla kunye namaqanda. Ngamanye amaxesha zitya namathole eempunzi nawamahlosi.

Imfene i-Chacma yona itya nayiphi na indawo emthini.

Zifumaneka phi

Iimfene zivamise ukufumaneka kwiindawo ezineentaba eMzantsi Afrika. Ungazifumana nase mahlathini, entlango nakufutshane neentaba zoKhahlamba. Noxa zikholwa kukuba phantsi emhlabeni, iimfene zikholisa ukugwencela emithini xa zifuna ukhuseleko, ukutya, ukulala nokudlala. Iimfene zikwaziwa ngokuchopha ematyeni aphakamileyo.

E-Afrika kuxhaphake iindidi ezimbini zeemfene: i-Chacma yaseMzantsi kunye nemfene embala omthubi yase Mpuma Afrika.

Ingaba Iimfene Zinayo Imigaqo Yentlalo?

Imigaqo yentlalo yeemfene yaziwa ngokuba yi-oligarchy, okuthetha ukuba iqela leenkunzi ezongameleyo ziya sebenzisana ngokukhusela nokuzizalisa iimazi kwiqela. Iimfene zona azinayo into yokuba kukhonye inkunzi enye phakathi kweemazi ezininzi kodwa kukho umthetho ongqingqwa woku shiya-shiyana kwiqela apho iimfene eziselula zizibonakalisa ngokuba nolaka ngokuveza amabamba azo amakhulu.

Akulula kwaphela kwityendyana lemfene ukwenyukela kumanqanaba kwiqela lalo. Iimfene eziselula, malunga neminyaka emithandathu ukuya kwesixhenxe, zidla ngokufudukela kwamanye amaqela eemfene angazalani nawo. Lamatyendyana afika agqugqise kula maqela matsha aze akhawuleze enyukele kwinqanaba eliphezulu. Amantyendyana angafuduka amatyeli-tyeli ade afumane iqela apho amathuba okwenyukela angcono khona nokuba neemazi anokuzizalisa.  

Ukutyobana Nokukhusela

Ukuhlala kwiqela leemfene kuneengxaki zako njengokuba kusoloko kukhutshiswana ngokutya namanye amalungelo okuhlala. Ezona zilwanyana zongameleyo zifumana ezona ndawo zingcono kodwa imfene ekwinqanaba eliphantsi ingazifumana isonwabela iindawo ezino kutya okungcono / ise bhotolweni ngoku zithandisa kwezo zongameleyo.

Iimfene zakha ubudlelwane ngoku tyobana iintwala neentakumba. Kwiqela, amaqedlana amancinci ayadaleka ngoku tyobana. Wofumana ezo zityobanayo zilala ndawonye, zitye kunye ze iinkunzi zikhusele iimazi ezizityobayo kunye namathole azo ekuhlukunyezweni zezinye iimfene nasezingozini.

Zonke iinkunzi zeemfene ziya zongamela iimazi kodwa nakwiimazi kubakho ukushiya – shiyana okuthi kwenze ukuba kube lulutho ukuba khona kwenkunzi ekufutshane ukulamla iingxabano ezithi zivele phakathi kweemazi. Iimazi zihlala ubomi bazo bonke kwiqela ezi zalelwe kulo ze zithathe indawo kanina eqeleni, ndawo leyo enokutshintsha ngokuxhomekeke kwimeko yokuzala kwayo. Iimazi ezina bantwana abamnyama ziyenyuselwa eqeleni.

Ubuntwana Kwiimfene

Xa bezalwa abantwana beemfene bamnyama babe nobuso neendlebe ezi pinki. Amalungu eqela ayabathanda aba bantwana de kuthi baxhwilwe, kusetyenziswe bona xa kukho iigxabano ezithi zilanyulwe ziinkunzi ezikhusela kwakunye neenkedama ezinga ncanciyo ezingaphezu kwee nyanga ezintandathu. 

Kwiinyanga ezintlanu zokuqala ebomini babo, abantwana babambelela esiswini sika nina kufutshane nebele nalapho afumana ukhuseleko ezingozini. Emva kweeveki ezintlanu, umntwana selekwazi ukuhamba kwaye kweli nqanaba sebekwazi ukuqabela emqolo kunina njenge dyoki angqiyame ngomsila wakhe ophakanyisiweyo.

Translated by Kwezi Kobus