Amazimba eMzantsi Afrika

©Grain SA
Amazimba (Sorghum bicolor) yingqolowa engenayo I’gluten’ kwaye ikwizinga lesihlanu kwizivuno zengqolowa ezikhuliswayo elizweni jikelele ngaphandle kwe ngqolowa (wheat), irayisi, umbona, kunye bhali (barley). Amazimba aziwa nje ngamabele thoro, amazimba, namabele. Sisityalo eside esifana nengca esinamagqabi ambaca (afana nombona) kwaye ivelisa ingqolowa kumthi ofana nengca. Kukho iintlobo ezingapha kwashumi amathathu (30) kodwa ngokuqinisekileyo yaqala e-Ethiopia yanonela e-Afrika nakwezinye indawo ezinobushushu ehlabathini.
Amazimba asulungekileyo eMzantsi Afrika akhuliswa kwindawo ezomileyo kumaphondo angasemantla eMzantsi Afrika apho atyalwa Phakathi ku October ukuya esiphakathini ku December. iFreystata ivelisa umlinganiselo ongu 50% wamazimba eMzantsi Afrika. Imveliso eqhelekileyo yembewu yengqolowa ingumyinge we ton/ha ezimbini (2).

Imisebenzi Yamazimba

Amazimba ayatyiwa ngabantu njenge (sidudu, umgubo we flowa, bhiya) nokutyisa izilwanyana njenge ngca eyenziwe ukutya. Amazimba akwasetyenziswa xa kupakishwa, ibhodi yedonga, nokuvelisa iibhaskithi nee brushi. Izinga lesitatshi kwingqolowa yamazimba ngu 7-10% ngaphezulu kunombona, oku kuwenza akulungele ukuvelisa ikhemikhali eyaziwa ngokuba yi ‘ethanol’. I-Ethanol isetyenziswa njengamafutha.

Ukutya Amazimba

Ingqolowa yamazimba iyagutywa ibengumgubo osetyeniswa kwisidudu (esifana ne maltabella) isonka, ibhiskithi, amaqebengwana, amakhekhe, kosikosi neziselo ezididiyelweyo. Ukutya ingqolowa kuqinisekisa izinongo; sokisha emanzini ebusuku kusasa ubilise njenge rayisi. Amazimba ahamba phambili kwi ‘dietary fibre’, iphezulu kwi protheyini, iron, phosphorus, magnesium, copper, calcium, zinc, kunye ne potassium logama inwebu ye ‘bran’ kumazimba ine antioxidants ezingummangaliso ukodlula iblueberries, amaqunube, kunye ne plums.

Amazimba Njengokutya Kwezilwanyana

Njengokutya kwezi lwanyana, amazimba asetyenziselwa ukunikeza amandla kwi nkukhu, hagu, izilwanyane ezizitho zine, iinkomo, Igusha njalo njalo. Ingqolowa kufuneka icolwe phambi kokutyisa izilwanyane - ukuze kube lula ihlale esiswini igutywa, icolwe ibiliswe phambi kokuba isetyenziswe. Amazimba abasisidlo sasehlotyeni esibalulekileyo - isidlo okanye ingca xa ikhule inkcenkceshelwa kwindawo ezomileyo.
Iziqu ziyashiyeka xa kugqitywa ukuvuna njengoko ezinye iintlobo zihlala zihlaza ngombala ixesha elide. Esona somileyo isivuno samazimba sifumaneka xa sele evuthiwe okanye xa isiqu singu 80 ukuya ku 120 cm ubude. Ubude obungako bulungele ingca, ukutya, nesivuno /isidlo esihlaza sikhula xa zingu 20 ukuya ku 30 cm ubude.

Translated by Zikhona Plaatjie