Amasiko ama Ntwana Abonakalisa Ukukhula

Abafazi bama Ntwana

©Dr Peter Magubane

Indima yabafazi bama Ntwana njengama khosikazi noomama ibonakala ngokutshintsha kwesinxibo sesintu esiyilokhwe esithi sinxitywe kumanqanaba ohlukileyo obomi.

Lomanqanaba ngala: lesea (umntwana); mosetsana (intombazana); lethumaša (intombi engoluswanga); sealogana (ixesha lokukhula); mathepa (intombi eyolusiweyo); kunye ne kgarebe (intombozana esele iqinile). Kuphela emveni komtshato, kwaye ekuzalweni komntwana wokuqala ngumfazi wama Ntwana, uye afumane ukubizwa ngokuba ngu mosadi othetha umfazi nenkosikazi.

Imisebenzi yoku Phuma

©Dr Peter Magubane

Amasiko abonakalisa ukukhula, afana namasiko okuphuma, imitshato, imingcwabo, zenzelwa phakathi kwimizi. Phambi kwemisebenzi yolwaluko byale eyinengxenye ye koma (lonke ixesha elithatyathwayo kumsebenzi wolwaluko), amantombazana asemancinci aye enze isiko lokuphuma kubuntombazanana.

Lomsitho ukhethekile kwaye uphakathi kwekhaya, amantombazanana ama Ntwana aye amkelwe kweliqela emveni kokwaluka. Ngexesha lolwaluko, ngokufanayo namadoda. Ngelixesha, xa besemngciphekweni wokutshatyalaliswa yimimoya, baye babekelwe bucala. Xa intombazana encinci iqalisa ukuya exesheni ubekelwa bucala iintsuku ezininzi.

Unikezwa isikeyiti sesikhumba senyamakazi esinxitywa ngaphambili (lebole) ihonjiswe ngemiqolo yamaqhosha namasiba enziwe ngesikhumba afakelweyo, ibonakalisa esinye isigaba sobomi sokusuka ebuntwaneni nokusingisa kwindlela eya ekubeni ngumama. Unxiba ne ntepana, isinxibo sefaskoti encinci yangaphambili. Ngokunjalo ngesiketi sangaphambili, ihonjiswa ngamaqhosha kuphela nentambo engaqinanga eyenziwe ngentsimbi ezifana nezi zifumaneka ngaphambili kwefaskoti yomama abatshatileyo.

Ibyale ilawulwa yinkosikazi yenkosi enkulu, omama abadala neentombi ezolukileyo. Kuquka isiko lokucheba iinwele, iinwele zentombi zichetywe okukwesitulo seqegu (bicycle) (tlhotshwana) ihlikihlwe ngamalahle amnyama namafutha, logama ubuso buqatywa mafutha abomvu natyheli. Amantombazana anikezwa iifaskoti zesikhumba zenyamazana ngomama bazo abathi bazinxibe ne ntepana. Amabele awogqunywa, iingalo zinxityiswe izihombisi ezenziwe ngengca (ditokwa) kwaye banxiba iintsimbi (mathala) emiqaleni.

Emveni kwexesha lokungena, abolukayo bachitha inyanga kwindlu ethile (mphatho) apho bafumana imiyalelo yocantsi neyemisebenzi yendlu. Baye balingiswe ngoku ngathi bayoluswa zekutsalwe imilebe yomhlaba wangezantsi (labia minora). Elinqanaba libonakaliswa ngokucula ebusuku nokudanisa, idibanisa abelukileyo bavane.

Bayafundiswa ukwenza onodoli bokuchumisa inzala (gimwane okanye popenyane) nemethi ezenziwe ngengca yase mlanjeni (legolo) nokuhombisa amaselwa asetyenziswa emizini (mogope). Xasele begqibezela ubukhwetha, amantombazana abizwa uboramaswaile, kwaye ogqunywe ngothuthu phambi kokubuyela ekhaya banikezwe indawo yokuba ngo kgarebe.

Amakhwenkwe ama Ntwana

©Dr Peter Magubane
Amakhwenkwe ama Ntwana, ulwaluko – olufana nolu lwenziwa kumabhinqa- kubonakalisa utshintsho kwaye lubalungiselela indawo yabo ekuhlaleni. Abafana abasandulo ukoluka banxiba isinxibo samabhinqa nenwele szchetywa oku kwe situlo sebhayisekile ngokufana namabhinqa esinqeni banxiba amabhanti anentsimbi kodwa enziwe ngengca eyenziwe ngokwemibala emhlophe, bomvu, okanye hlaza kulandele upinki – oye adibanise indlela ebekwe ngayo imibala enxitywa ngama bhinqa olukileyo okanye abatshatileyo. Emveni kolwaluko, amadoda ama Ntwana abonakalisa ubudoda babo, ze bathabathe ekuhlaleni imithetho engqongqo.

Translated by Zikhona Plaatjie