Amabali oMakhulu – uKuphulukana namalungu oSapho kwi HIV/AIDS

© Eric Miller
uGoldie Qayiya , nomyeni wakhe uOtto, wase Khayelitsha, babengaqondi kakhulu nge ngentsholongwane ka gawulayo i-HIV. Kunjalo, yathatha ubomi babantwana babo ababini, uThumela no Vusi, emveni komnye unyana. Kwathatha ixesha, kodwa uGoldie wade wayifumana indlela yokujongana nentlungu yakhe. Nali ibali lakhe.

uMntu Osebenza ngoku Zimisela

Ndandiqashwelwe ukucoca ngabantu ababephethe iBlouberg Homes, inkampani eyayiceda abantu bafumane indawo zoku renta eBloubergstrand. Ndasebenza iminyaka emihlanu, ndihlala kwi ndlu yethu eKhayelitsha, loxa uMyeni wam wayejonge ikhaya lethu eTranskei.

uThumela wayencedisa eBlougerg Homes, esebenza nzima ngokuzimisela. Xa umpathi wethu esithi, ‘Cocani konke nolule nama shithi, ‘ Sasigqiba kwangethuba kakhulu kunexesha elibekiweyo, nokuba sisebenza kwindlu enkulu. uThumela wayenga konqeni ukusebenza.

Ngo June kunyaka ka 2000, eneminyaka eyi 30, saya esibhedlele kuba waqalisa ukugula, wahlolelwa ingculaza. Sasingaqondi okokuba ingculaza imhlasela kanjani umntu, sazifunda zonke ezozinto exesheni, kuba uvavanyo lwaveza okokuba uThumale naye unengculaza.

Ngaphantsi kweminyaka emibini efumanise okokuba unesifo sengculaza, wagula kakhulu. Wathi xa efikela kwiqondo lwesine, wayebhityile engena mandla kucaca nje mhlophe okokuba uyafa. Kwathatha nje inyanga ukususela ekuguleni kwakhe kakhulu, wasweleka. Ndandisele ndimvasa, ndimnikeza amayeza, ndimtyisa, engenawo nditsho amandla okuphakamisa icephe.

Kunzima kakhulu, ukunakekela umntwana wakho esifa. Kwathi kwabanzima, samsa kwisibhedlele i-Groote Schuur, basixelela ogqirha okokuba uzakufa kungekudala, wasiwa kwikhaya lesibhedlele eConradie. Wayephaya iveki ezimbini ngo March ngo 2002, wasweleka.

Ndandikhona

Mna no Otto sasise Kapa, xa uVusi wayeqala ukumane efunyanwa yingqele, isisu esibuhlungu, nentloko ebuhlungu. Samsa kwisibhedlele i-Groote Schuur, nakwisibhedlele i-GJ Jooste. Ugqirha wasixelela unengculaza, nangona sasingaqondi kuthetha ukuthini oku.

uGqirha wamane ethetha ngonyango olutsha oluzayo, olwaluza kunceda uVusi aphile. Wanikezwa ipilisi nonyango lwe TB, ixeshana wabangcono. Wade wabuyela emsebenzini, kodwa emveni kwenyanga ezintandathu wagula kwakhona. Ndandimjonga, kwaye ndandisecaleni kwakhe ukusweleka kwakhe.