uMandela uthetha kuqhanqalazo lwaBafazi bechasene nemithetho ye Pasi

©Dr Peter Magubane
uNelson Mandela uthetha neqela lamanina ngexesha lo qhanqalazo lwabafazi oluya kwi Union buildings beqhanqalazela umthetho wama pasi.
Phambi kweminyaka yo 1950, amadoda amnyama kwakufuneka aphathe amaPasi ukuze avumeleke kwii dolophu, kodwa ke yayingabantu abaphangelayo abanikezwa ama-Pasi. Oku kwavumela urhulumente wengcinezelo akwazi ukulawula inani lamadoda amnyama ezidolophini. Xa umntu ubanjwe engenalo ipasi, waye banjwa, avalelwe okanye anikezwe isohlwayo. Umthetho we Pasi yayingomnye wemithetho ecaphukelwayo kwimithetho yexesha lengcinezelo. Ngonyaka ka 1952, urhulumente wayenza yasisi nyanzeliso okokuba abafazi abamnyama baphathe amapasi kodwa oku kwachaswa elubala.
Ngomhla we 9 August ngonyaka ka 1952, abafazi abangapha kwe 20 000 baqhanqalaza besingise kwi Unioin Buildings ePitoli beqhanqalaza ngokuchasene namapasi. Ama nina entlanga zonke, neenkcubeko ezahlukileyo adibana aqhanqalazela amalungelo abo, namalungelo abantu bebala. uNelson Mandela wadibana neqela labafazi ababe yingxenye yoqhanqalazo, wathetha nabo kwaye wabonakalisa inxaso yakhe. Ukususela koluqhanqalazo, intetha edumileyo yavela ethi “Wathint’abafazi, wathint’imbokodo!”.

“Lo gama intlupheko isathe gqolo, akukho nkululeko yokwenene.” ~ Nelson Mandela

Mandela 100 - Mandela: A Man of Principle

uBrenda Fassie, umculi we Pop othandwayo eMzantsi Afrika egcwele yimizwa, wonga uMandela...more

Mandela 100 - The Charm of Mandela

uNelson Mandela ubuyela kwikhaya lakhe eSoweto, emveni kokuphuma entolongweni ngo 1990. uNelson Mandela, ukhule kwa no 8115, kwisi talato iV...more

Mandela 100 - The Fight for Freedom

uMandela wayethandwa ngabalandeli bakhe, njenge mbonakaliso yenkululeko kumntu wonke. Uye abonakale njenge siThixo esithile eMzantsi Afrika,...more

Mandela 100 - The Mandela Legacy

uMandela ufumana iwonga le Honorary Doctorate kwi Yunivesithi yase Witwatersrand eRhawutini...more