UMandela noMkhonto Wesizwe – Ngobhalwa ngu Benjamin Pogurd

© Eric Miller

Umkhonto weSizwe

Phakathi kunyaka ka 1961, iinkokheli ze ANC zadibana emfihlakalweni zathatha isigqibo sokuqala uMkhonto Wesizwe (MK) ukulwa nobandlululo. uMandela wafakwa ezintanjeni, isigqibo sasinesi zathu – kwaku zakuhlaselwa izindlu kwaye kungekho bantu baza kubulawa. Oku kwakungenkolo yombutho we ANC kwi mithetho ka Mahatma Gandhi echasene nobundlobongela okwesibini ngoko mbono wokuba ukubulala abamhlophe iyakubuyisela uloyiko lokuphathwa sisininzi. Ngaphandle kwa phana napha, lomthetho wagcinwa iminyaka engamashumi amathathu (30).

Lomthetho mtsha, uMandela wahamba iAfrika waya eBritani nase Soviet Union. uRhulumente wayelalele ukubuya kwakhe kodwa wabuya ngaphandle kokuphazanyiswa. Ebuya e Bechuanaland, eyaziwa ngokuba yi Botswana ngoku. Abaphambukeli bomthetho base Britani babesazi ngqo umzuzu nendawo azakufikela kuyo eMzantsi Afrika, kodwa aba ange baxele ePitoli.

Ndaxelelwa ngomkhulu kwezokhuselo, uGerry Forrest, ngokuba ndandisazi kudliwano ndlebe oludlulileyo okokuba aba wahloniphanga amapolisa oMzantsi Afrika kwaye enga thandi abo wayesebenza nabo kwezokhuselo ngenxa yendlela abebecinga ngayo. Isiganeko asamcaphukisa kakhulu kumini wayesiza eMzantsi Afrika amapolisa amxelela okokuba avule umphambili we moto yakhe. ‘uCinga ndifake uMandela kwi kumphambili wemoto?’ wabuza ngesigezo loka Forrest. Ngo August nyaka ka 1962 uMandela wabanjwa usiya eNatala, wagwetywa wabanjwa ngokushiya ilizwe ngoku ngekho mthethweni.

Ukugwetywelwa kwisiqithi i Robben Island

Exesheni, ngoxa eseluvalelweni, uhlaselo lwase Rivonia lwaqalisa, lusebenzisa ubungqina obushicilweyo obafumaneka khona. Yena nabanye awaye sebenza nabo bafakwa kutshutshiso kwisityholo soku bhukuqa umbuso ngetshova. Isigwebo sentambo sasinzima kwaye sisoyikwa njengento enokwenzeka. Ngaphandle kuka rhulumente kwakucingelwa ngamandla ocinezelo amazwe angaphandle amenza uMantyi arhoxise, endaweni yoko afumane isigwebo sobomi lo kaMandela.

uMandela wathathwa wasiwa eRobben Island, kwicala lamabanjwa anobungozi wangomnye wamabanjwa ayi 1400 nangaphezulwana awayevalelwe khona. uRhulumente akazange abavume nje ngamabanjwa ezo politiko wanyanzelisa okokuba bafumane impatho efanayo nezikrelemnqa zamabanjwa (Ngaphandle nje kokuba amabanjwa ezopolitiko ayenga fumani ushwele wokuhliselwa ityala ngokwesiqingatha , esasinikwa ababulali, abadlwenguli nabakhuthuzi).

uMandela wayefumana okona kutya kukwizinga eliphantsi namanye amabanjwa amnyama xa kufaniswa namabanjwa abantu Bebala, nama Asia - Bonke ke babefumana okuncinci kunabamhlophe, abo ababe banjwe kwityala lase Rivonia , babe gcinwe entolongweni yase Pitoli.

Indaba ze Daily Mail

iRand Daily Mail yanceda ukwenza ngcono ubomi buka Mandela namanye amabanjwa ngokuveza indaba ngemeko ezimbi zase ntolongweni ngo 1995. uRhulumente wayiphika inyaniso yoko sasiku vezile kwiphepha ndaba wachitha iminyaka emine etshutshisa abo babesincedile ukufumana ezinkcukacha, ekugqibeleni umhleli, nam umsasazi; kodwa kwangelixesha urhulumente wayezama ukulungisa iimeko.

Utshintsho lwabakhona kuMandela nabanye, ebusika endaweni yokunxiba izihlangu eziqinileyo ezivulekileyo nokulala kwizisele ze konkrete ezibhanda nkca, banikezwa izihlangu nekawusi endaweni yezihlangu ezivulekileyo zerabha. (Amanye amabanjwa zange azifumane ezi ayehamba ngenyawo); banikezwa iiblukhwe ezinde endaweni yezi zimela emaqatheni zaziwa zezo ‘tsotsi’ banazo nejezi.

Imeko ezinzima zaphela kancinci kancinci kwaphela nobundlobongela kumabanjwa, obodundlobongela waye jongene nabo uMandela ekuqaleni. UMandela waqhubeka ekhula njengomntu. Ububele bakhe nobu nkokheli bakhe babu bonakala.akazange aphelele ekukhokheleni amadoda we ANC entolongweni, kodwa waye hlonitshwa nangabo babechasene naye ngezo politiko – iPan Africanist, uPoqo ne Small African Resistance Movement ne Yu Chi Chan Club.

UMandela wayehlala ekulungele ukucebisa nabani na owayefuna ucetyiswa. Wayesaziwa ngokuba no moya ophantsi, nokuhlala emamela ukuba abanye bathini na.

Translated by Zikhona Plaatjie

Mandela, The Moral Voice of Africa

Kwingqungquthela ye Tunis OAU ngo June ka 1994, unondaba othile wabalula uMOngameli uMandela njenge “ lizwi le Afrika elizisa isazela” ....more