Ulawulo Lwezifo Lweenkukhu

©Chris Daly

Izifo zizo ezingatshabalalisa imveliso yeenkukhu, lonto ingenza ukulahlekelwa kwemali eninzi kuzo zonke ifama zalapha emhlabeni. Amayeza angasetyenziswa ukunyanga ezinye izifo, kodwa zininzi izifo ezinganyangekiyo.

Funda nzulu ngezifo zeenkukhu apha. Ukwenza izinto zibenzima, ezinye zezizifo zithanda ukwanda njengo mlilo wasendle kuba iinkukhu zigcinwa zisondelelene kwaye zabelana ngamapheyile okusela kunye nokutya. Eyona ndlela engcono yokulawula izifo kwimveliso yeenkukhu, kukuzikhusela ukuba zingaphumu ngaphandl kwasekuqaleni.

Zine indlela zokunqanda ezizifo, eyokuqala imilinganiselo yokhuseleko evakalayo, ugonyo lwezilwanyana, ukucoceka kunye nolawulo lokudakumba.

Imilinganiselo Yokunyanga

Abavelisi kufuneka bathathe amanyathelo ngokukhawuleza xa bebona iimpawu zezifo, ukunqanda usulelwano lwezinye iintaka okanye ngamanye amaxesha izilwanyana kunye nabantu. Isebe lezolimo licebisa amafama ukuba ahlule iinkukhu ezigulayo kweziphilayo kwaye nokumelana neentaka ezigulayo ekugqibeleni kwemisebenzi yemveliso.

Umntu osebenza nezilwanyana okanye ugrirha wezilwanyana kufuneka kuthethwe nabo ngokukhawuleza ukwenzela ukubona eyona ndlela elungileyo emayithatyathwe. Umntu osebenza ngezilwanyana okanye ugqirha wezilwanyana uzoxilonga iintaka ezigulayo, angathatha negazi okanye amaqanda wentaka, ukwenzela ukubona unobangela wesifo. Ukukhusela izifo ezingathi gqi, umfama kunye nomntu osebenza nezilwanyana okanye ugqirha wezilwanyana kufuneka bajonge indlela yemveliso yeenkukhu ukuze bakwazi ukubona iingxaki ezingalungiseka ngaphambili, ukuhlangabezana nezifo ezingavela.

Unyango luxhomekeke kunobangela wesifo, ukusuka kumayeza ukuya ekufeni kweentaka. Nangona abanye abavelisi besebenzisa amayeza ukuquma ulawulo olunkenenkene mandulo, kukhona ukuxhalaba okuthile ngenxa yentsebenziso yalamayeza kuba luye lwanyusa izinga lokwazi ukumelana nezifo. Kwamanye amazwe, abavelisi abakwazi ukuthenga lamayeza bengenamaphepha aphuma kugqirha wezilwanyana.

Xa usebenzisa amayeza, abavelisi kufuneka bagcine kwaye basebenzise amayeza ngoko mthetho. Ukusebenzisa iyeza ngokumthetho, akuqinisekisi ukuba iyeza liyasebenza qha kodwa linceda ekunqandeni nokumelana nezifo. Amafama kufuneka agcine ithuba lokulinda lamayeza engqondweni yawo – ngamanye amagama phambi kokuba amaqanda okanye inyama iphuma kwezinkukhu zinyangwayo kuba zingathengiswa emveni kofumana unyango – ukuqinisekisa ukuba imveliso yabo ihambelana nomgaqo siseko wentsalelo yase Mzantsi Afrika.

Translated by Aviwe Damane