Ukulalana kwe Nkukhu

© Chris Daly
Ukubona isini sentshontsho lenkukhu kunzima, hayi nje ngezinye izilwanyana indawo yesini senkukhu ifihlakele, akulula ukuyibona. Kukhona ke inkolelo ezithile, umzekelo ukuba isini sentshontsho singabonakala ngokujikelezisa inaliti ngerhali apha phezu kwentloko yayo. Kuye kukholele okokuba yindoda xa ubunzima bujikeleza ngasekunene kukholelwe okokubangumfazi xa ihambela ngase khohlo. Okanye okokuba ubambe intshontsho ngentamo ngaphezulu ze liphakamise imilenze yintombi. Kodwa xa imilenze ilenga lenga, yinkwenkwe.
Enye inkolelo ke yeyokuba isini singachazwa ngokujonga ukuma kweqanda, okokuba iqanda elifana nebhola ekhatywayo aphethe amakhwenkwe enkukhu. Afana nebhola yombhoxo aphethe amantombazana. Ezindlela ke zinyanisekile njengoku guqula ingqekembe ukujonga isini sentaka, namathuba okuchana isini aye enyuke xa nje ungumntu onentlahla.
Ezona ndlela zicacileyo zokujonga isini sentaka kukujonga uhlobo lwentsiba, isinyi nokulinda ubone. Ezinye indlela zokujonga zisaqulunqwa ezenza okokuba isini sibonakale kwase qandeni. Kodwa uninzi lwezindlela ziyadura kwaye zindlela ezithile ezikhethekileyo.

Ukujonga Isini Ngentsiba

©Chris Daly
Kwezinye intlobo zenkukhu ezixubileyo abafazi babonakalisa ukukhawuleza ukukhula intsiba kuna madoda. Amantombazana angane ntsiba ezisele zikhulile, loxa amakhwenkwe angabe asene mpandla. Nje, ubude be bentsiba esize mpikweni ziyaqathaniswa ukohlula amantombi kumakhwenkwe. Oku ke kusebenza kumantshontsho asandula kuzalwa, njengoko umahluko unyamalala kwiveki ezimbini.
Imibala yezinye intlobo okanye inkukhu ezixubileyo ingachaza isini senkukhu. ukulala nenkukhu ezine migca (ezinentsiba ezimnyama namhlophe) namadoda angena migca, izakudala amadoda anemigca nabafazi abengena migca. Okufanayo kungenziwa kwinkukhu ezimibala mthubi na silivere, amadoda asiliva nabafazi abamthubi bavelisa inkukhu emhlophe okanye okanye ezimabala bala. Nezikhukhukazi ezibomvu eziqinileyo. amadoda amthubi kubafazi abasiliva, kwelinye icala ivelisa inkukhu nezikhukukazi ezi siliva.

Ukujonga Isini Senkukhu nge Ndununu

Ukujonga isini senkukhu kwi ndununu savela no Proffesor Kiyoshi masui eJapan ngeminyaka yo1930. Le ke indlela ikhethekile equka ukujonga isinyi sentaka okokuba likhona na okanye alikho ilungu elichaza isini elifana nje nongathi lidumbile. Kodwa ke kucaca okokuba zingapha kweshumi elinesihlanu izimo ezinokujongwa.
Abo ke bajonga isini seenkukhu ngokuse mthethweni, ngomzuzu nje bayakwazi ukuchaza isini senkukhu ngokunyanisekileyo ngo 90-95%, loxa ukuchana kwabo balolongiweyo kungaphantsi ko 70%. Abaselula ke kufuneka bangazami ngenjoko ukuyenza ngendlela engeyiyo kungadala okokuba amantshonthso afe okanye onzakale esiswini.

Linda, Ubone

©Chris Daly
Enye indlela yokubona isini sentaka kukulinda ubone. Njengokuba intaka zikhula, izakucaca gca okokuba ngawaphi amadoda ebafazini. Ngokwe miqolo ebhalwe kwi Poultry Bulletin, sexing chickens, ayaku:
  • Zama ukuziphatha nje ngamadoda azame ukukhonya
  • Intsiba zitshintshe bukungqukuva okwebhola yombhoxo eqhelekilyo kwizkhukukazi nentaka ezincinci, zimenyezele, zixinane, zibetsolo intsiba entanyeni nasemsileni
  • iZacholo zazo zizakwakheka kwamsinyane zibe nkulu kunezo zabafazi
  • Intloko zizakuba zikahla inwele zibembalwa kwaye zibukeke zomelele
  • Intlobo ezithile, zinendlela imibala ethile yombala enceda ukuzihlula kwezinye

Translated by Zizipho Silwana