Mountain Reedbuck
Inxala

© Roger de la Harpe

Igama

Inxala [Redunca fulvorufula]

Inkangeleko

Inxala yinyamkazi ephakathi ngomlinganiselo, ethobekileyo yaye enentloni. Iinkunzi zibanobunzima obubalelwe kuma 32 Kg nomlinganiselo ongama 750 mm emagxeni. Zize ke imazi zibencinane zibengama 30 Kg. Uboya bungwevu ngebala ubukulu becala, kodwa intloko namagxa zibebu bomvurha-mdaka.
Inomsila ontsofuntsofu omhlophe nomphantsi ogqwesileyo ngobumhlophe. Iimpondo ezigobele ngaphambili zifumaneka kwinkunzi qha. Lentlobo ke inendlebe ezinde ezitswebhileyo.

Isidlo

Inxala itya ingca, kwaye idinga amanzi oneleyo acocekileyo.

Ukuzala

Iimazi zizala itakane libelinye ehlotyeni, emva kokumitha inyanga ezisibhozo. Amatakane akhula ngokupheleleyo emva kweminyaka emibini. Amatakane azimazi aqala ukukhwelwa esenenyanga ezili 15.

Ukuziphatha

Xa ibaleka ngokunga iyaphala, nomsila omileyo, ibonisa umphantsi wayo omhlophe. Zihlala zingumhlambi omncinci ukuqala kwisithathu ukuyo kutsho kwisibhozo, nangona sekukhe kwabona umhlambi ofikelela kuma 30 ndawonye. Lomhlambi mkhulu ke ibonakala njengento yethutyana, kuba ziye ziqhusalake zakuphazanyiswa.
Iinkunzi ezincinci ziye zinyanzelwe ukuza ziwushiye umhlambi ukuze zizakhele amaqela amasoka kude kufikelele ixesha lokuba zikulungele ukukhwela iimazi. Amaxesha amaninzi kubakho inkunzi endala enye kwiqela ngalunye losapho.

Intlalo

Indawo ezidalelwe ukuhlala kuyo ibayi ndawo enentaba okanye amaqhina. Zinokubonwa kwimixethuka yentaba zisitya okanye ziphumle emthunzini zisithele ngamahlahla axineneyo.

Apho Zifumaneka Khona

Zifumaneka kuphela kwintaba zase Goli, kwezokhahlamba kwakunye nase Karoo koppies ecaleni kwe Orange river. Inxala iyaxhaphaka kwindawo efanelekileyo, nenokumelana nayo.

Iinkcukacha Ezibalulekileyo

Igama lesi Latin: Redunca Fulvorufula
Ubunzima (Imazi): 15 - 34 kg
Ubunzima (Inkunzi): 24 - 36 kg
Ixesha lokumitha: 8 months
Inani lamatakane: 1 takane
Ubume: Artiodactyla
Usapho: Bovidae
Ukuzala: Itakane elinye liyazalwa nanini phakathi enyakeni (Kuyenyuka kweyo Mnga - Eyomqungu) Emva kkokumitha inyanga ezisibhozo.

Imizila Yenyawo

Akukho mahluko ungako phakathi kwemizila ye Nxala neye Mpunzi. Nangona eye Nxala ingabamincinci nje okungayangaphi.