Izitshabalalisi Zemidiliya - Ibhungane Elinomboko

© Prof Piet Goussard Winetech

Elona bhungane linomboko lixhaphakileyo kwimidiliya ye wayini ye Phlyctinus callosus. Esi sinambuzane sihlasela imidumba, amagqabi, ihluma lomdiliya kunye nezihlahla zemidiliya kwaye ligrumba imingxunya emagqabini nakwimidiliya. Hlola imithi yediliya rhoqo kwasekuqaleni kwexesha lokulima, ujonge kwamonakalo usenokubakho okanye ukuvela kwamabhungane anomboko.

Njengokuba lisuka emhlabeni lisiya esiqwini somthi, ihlumela livamise ukushiyeka lisezantsi lisondele esiqwini somthi. Oku kusisilumkiso somonakalo wezongo.

Amabhungane anomboko avela kwiintsimi zediliya unyaka wonke, kodwa zishiya iidiliya kanye emva kokuba amagqabi esiwa ziyokutya ukhula olufana ne curly dock – isityalo esithandwa kakhulu sesi sinambuzane.

©Prof Piet Goussard Winetech

Kwalawulo lwe bhungane linomboko kufuneka lwenziwe phantsi kwemigaqo ye IPW (Integrated Production of Wine Scheme). Umzekelo, lo mbutho ucebisa ukuba kungatshizwa nge pyrethroids. Ezi zibulali zinambuzane zizindidi ezininzi kwaye zinganobungozi kwezinye ze ntshaba zendalo zezi zitshabalalisi zediliya.

Oku kungakhokelela kuqhambuko kwezinye izitshabalalisi ezifana nezigcawu ezibomvu. Uphando lubonise ukuba iindidi ezimbini zamabhungane anomboko angalawulwa ngemida encangathi efakwa kwiziqu zemithi yediliya.

Translated by Zizipho Silwana