iMapungubwe Ecaleni Komlambo we Limpopo

Indawo Yamatutu

©Roger de la Harpe

Lo ngumcu wendlela ehamba ecaleni komlambo we Limpopo. Le ndlela yayikade isetyenziswa ukugada umda ogadwe kanobom ophakathi koMzantsi Afrika kunye ne Zimbabwe.

Ikwanembali yemfazwe yasehlathini eyagquba kumacala omabini alomlambo. Ngaphambi koko, yayiyindawo abantu babenqumla kuyo xabesiya eZimbabwe, besiya kudubula izilwanyana ngokungekho semthethweni. Namhlanje, izinto sele zithomalele kwaye kuthe nkcwe ngakulo mlambo. Iqela lezakhiwo zomkhosi zithe chuu ukubhidlikela emhlabeni, kwaye abalobi belizwe laseZimbabwe abasuka kwiilali ezikufutshane bavamise ukuya kuloba kulomlambo.

Iheke encinci kwicingo lomda, ikunika ithuba ithutyana lokuhamba ekupheleni komda we Limpopo. Xa ukulomda ungabulisa abalobi ubuke nendawo. Intle! Kodwa ke ungadadi, okanye ungazibhaqa sele ungene kwilizwe lase Zimbabwe ngokungekho semthethweni.

Translated by Zizipho Silwana