Grey-headed Gull
Ingaba Ngaba

© Roger de la Harpe
Greyheaded Gull.

Igama

Ingaba ngaba

Igama lesi Latin

Larus cirrocephalus

Usapho

Laridae

Ubude

42 cm

Intlalo

Iqela elincinci lihlala kumanzi akufuphi nomhlaba( apho zizalela khona) okanye elunxwemeni lolwandle.

Isikhalo sentaka

Singafaniswa nokuntyiloza ngokunga sothukile.

Ukuzala

Elingabangaba imithiswa yenye indidi ye Ngaba-ngaba ebizwa ngokuba yi Hartlaub’s Gull ngesingesi. Ukuqandusela kuqala ngenyanga yeKhala ukuya kweyeNkanga. Izalela amaqanda amabini ukuya kwamathathu, anombala womhlaba noluhlaza wengca-noluhlaza wesibhakabhaka kunye namachokoza ashiyanayo amdaka ngombala.

Inkangeleko yamantshontsho

IAmantshontsho anentloko ezimhlophe kunye nezibhaxu ezibumnyamarha emva kwamehlo. Lohluke kwezinye indidi zamangaba ngaba ngemilenze enenyama emdaka ngombala, umlomo omde onombala obomvu nencakama emnyama no msila omnyama encakamini.

Inkangeleko yamadala

Intloko ye Ngaba ngaba elidala ingwevu yonke, namehlo atyheli ongacacanga, kunye nemilomo kwanemilenze ebomvu kwre. Xa ingazali, intloko ibamhlophe

Isibalo

Axhaphakile kwaye akho ngobuninzi.

Apho afumaneka khona

A Li Ngaba ngaba elihlala emanzini acocekilyo, lifumaneka emachibini amakhulu nase madamini. Likhe libonakale kodwa alixhaphakanga kumzantsi ntsona we Koloni. Libakho kumantla we Koloni.