Cape Otter
I otter yase Koloni

© Jacques Marais

Igama

Cape Otter, I otter yase Koloni[Aonyx capensi]

Inkangeleko

Esi silwanyana simalunga ne 1,3 m ubude baso kwaye ubunzima baso simalunga ne 13 kg. Ngaphandle kwesisu, umqala, izidlele nomlebe ongasentla womlomo ezikhangeleka mhlophe ngokwe bala, si noboya obufukufuku omdaka ngebala ngokwenkangeleko. Zahlukene iinzwane kwii nyawo zangaphambili, kodwa zibudibana malunga nesiqingatha sonyawo apha ngasemva. Zinezwane ezintlanu nyawo ngalunye. Zimisila yondlekileyo’mifutshane.

Ukutya

Zitya oononkala ubukhulu becala, kodwa nee ntlanzi, amasele, onomadukudwane, iintaka, izinambuzane kwaye nezinye izilwanyana ezincikane ziye zizitye ngamanye amaxesha.

Inzalo/Ukuzala

Zizala maxa onke onyaka, zifumana amantshontsho phakathi kwesinye nesithathu ubuninzi ngexesha xa zikhulelwe iintsuku ezimashumi amathandathu ukuya kumashumi amathandathu anesihlanu.

Ukuziphata Ngokwentlalo

Ngoba ii Otter zikrelekrele zithanda nokudlala ngokwendalo, ziyathandeka kwayeziyabukeleka. Kunzima kakhulu ukuzifumana endle ngoba zihlala zodwa amaxesha amaninzi. Iimazi zisoloko zihamba namantshontsh azo zihlala zikumlinganiselo we sibhozo iqela ngalinye. Iinkunzi zona zihambela kude kulamaqela eemazi namantshontsho.

Ikhaya

Zifumana ikhaya kumanzi acocekileyo kunye nase lwandle, kodwa mva nje ziye zithande amanzi acocekileyo kuze zisu ityuwa kuboya bazo.

Zifumaneka Phi?

I Otter zase Koloni zisasazeka kakhu kwi cala le Mpuma yonxweme nakwiingingqi ezi hluza ngokuphucukileyo amanzi emvula eninzi, eMzansi Afrika noxa ke ezo ndawo zingaxhaphakanga. Zinqabile kwicala le Ntshona lo Mzansi Afrika. Ubuninzi elunxwemeneni buqikelelwa kwi sinye kumgama oyi 2 km ibe sisinye kumgama oyi 3 - 10 km emilanjeni.