Abatyeleli be Mapungubwe National Park

Ukuqukwa Komntu Wonke eMapungubwe

©David Fleminger
iMapungubwe National Park ityelelwa ngamawaka-waka abantu mihla le (kuquka amaqela ezikolo) kwaye amanani anyuka ngalo lonke ixesha.
Ngaphezulu, ama 60% abatyeleli bale paki ngabantu abantsundu, nokuyinto eyothusayo kuba ivamise ukuba ngabantu abamhlophe abatyelela kakhulu ezinye iinational park. Lo mahluko usenokubangelwa kukuba iMapungubwe yi national park yokuqala ebhiyozela imbali yase Afrika eyayikade iphikwa okanye eyayingahoywanga.
Ezinye iipaki, kwelinye icala zabakho ukusukela ngemihla yezocinezelo lwabantu abamnyama, kwaye abantu abamnyama babengavumelekanga ukuba bazityelele. iSAN Parks izimisele ukukhuthaza ukuqukwa komntu wonke nakwezinye iindawo zokongiwa kwendalo, kungapheleli nje kuphela eMapungubwe.
Kodwa akukho ngeze politiki nje kuphela. iMapungubwe ithandwa kakhulu ngabantu ngoba yindawo enikisa umdla. Indlela emile ngayo ayiqhelekanga. Iinkampu zokuphumla nazo azilibaleki. Kwaye lepaki ikwaqulathe neziza ezibalulekileyo ezinembali ngentlalo yabantu ezifana ne, Mapungubwe Hill, K2 kunye ne Schroda.

Ulinde Ntoni?

©Roger de la Harpe
Le Paki inendawo ezintle ngeyona ndlela (eziyodlula le iKruger) kwakunye nenqwaba yezinto zokwenza kunye nezinto ezinomtsalane onokuzibona.
Indlela eyenziwe ngayo le paki ayiqhelekanga kwaye ithi ndijonge. Kwisigidi seminyaka edlulileyo, indawo eyayisakuba yintaba ephakamileyo sele ikhukulisekile. Ngoku sele kusele imisele kunye neentili.
Ngakumda we Limpopo, ngumqengqelezi osingise ngasemlanjeni. Ukuphakama kwalendawo kuphakathi kwamitha ezingama 300 ukuya kuma 780 ngaphezu komgangatho wolwandle.
Iinduli ezizimeleyo kunye nee koppoes zalommandla, ezifana ne Mapungubwe zadaleka ngethuba umandlalo wamatye ohlobo lwe Clarens Sandstone aye abola-akhukuliseka ngokuhamba kweminyaka. Sele kushiyeke nje iinduli ezimbalwa ngoku.
Eli litye libomvu likrobilyo (nelichazwe nge ‘petrified desert dunes’) lidibanisa ingca etyheli esentilini, ukuze kuphume umbala ogqamileyo omhle obukekayo kubatyeleli.

Translated by Zizipho Silwana