Ungaqala nini Ukuvuna Ingqolowa

© Chris Daly
Ingqolowa kufuneka ivunwe kwange xesha ukuze ingaphasalaki, ingadubuli phambi kokuvunwa, nokuthintela ukonakaliswa zintaka, kodwa ke ulinde ixesha elaneleyo ingqolowa yome. Ukuvuna ngesiqhelo kuqala xa ukufuma kwengqolowa kungu 16%, kodwa kuvumelekile ukuba sezantsi ngo 13% xa ingqolowa izakugcinwa. Iintlobo ziyaphulukana ne nkozo, oko kubizwa ngokuba kukuphasalaka, kufuneka kuvunwe kwangexesha ze yomiswe ngendlela ethile. Ukuvuna ingqolowa kuqala kwinyanga ka November no December kwindawo ezinemvula yasehlotyeni kuphinde kwindawo ezinemvula zasehlotyeni.

Uyivuna Njani Ingqolowa

©Chris Daly
Nangona ingqolowa ingavunwa ngesandla nangesankempe esibukhali, oomatshini bokuvuna ngabona bangcono xa unentsimi enkulu efuna ukuvunwa ngexesha elifanelekileyo. Abavuni abadityanisiweyo bayakwazi ukohlula banqumle ingqolowa kwezinye izityalo kunye nempuphu.

Umlinganiselo Wemveliso ye Ngqolowa Oqhelekileyo

©Chris Daly
Umlinganiselo oqhelekileyo wemveliso yengqolowa ngokwe hektare uxhomekeke kwisimo sezulu, indawo apho ingqolowa iveliswa khona, iintlobo kunye nomgangatho womhlaba. Umyinge ungaphakathi ko 2.5 tons/ha kumhlaba owomileyo kunye no 5 tons/ha kumhlaba onkcenkcesheliweyo.

Ucalu-Calulo lwe Ngqolowa

Ingqolowa eMzantsi Afrika icalulwe kwakudala ngezigaba ezine, ngokobuninzi be protein efumaneka kuyo, hectolitre mass, nenani lenkozo eziwayo, konke oko kuchaza umgangatho wokubhakeka kwayo ingqolowa. I-Hectolitre mass kukusinda bomlinganiselo oqhelekileyo wengqolowa. Lona inani lobungakanani lengqolowa ewayo ingumlinganiselo ochaza umehluko owenziwa zi enzymes kumgangatho wengqolowa.
Ukuze ibephantsi ko B1, ingqolowa kufuneka ibeno buncinci be proteni obungu 12%, nobunzima be hectolitre mass obugi 77kg/hectolitre okanye inani leziwayo libengu 220 seconds, ze imfuneko zehliswe ngo B2,B3, kunye no B4 ukuya ku 8% we protein, 70 kg/hectolitre ne 150 seconds yomgangatho osetyenziswayo.
Uhlobo olutsha lokucalula, lwaziswe ngonyaka ka 2019, liyanceda ukuphuhlisa imveliso yengqolowa nengeniso yemali. Ngenxa yoku, kwenziwe enye indlela I’super grade’ yengqolowa ezine protein engaphezulu ko 12% ukuhlangabezana nengqolowa eyenziwe phantsi konkcenkceshelo. Amazinga we protein aqhelekileyo kwintlobo ezithile izakwehliswa ngo 12% ukuya ku 11,5% ku Grade B1, ukusuka ku 11% ukuya ku 10,5% ku Grade B2 no 10% ukuya ku 9.5% ku Grade B3.
Umahluko kumaxabiso phakathi kwezi grades wehlisiwe, ze umahluko phakathi ko B1 no B2 ubhitye ukuya ku 1% xa uqathaniswa nakudala ngoko ibingu 4% ubukhulu. Umahluko wexabiso phakathi ko B1 kunye no B3 uzakukwehla ufikele ku 3%.

Ukugcina Ingqolowa

©Eric Miller
Nangona amafama angenazo izixhobo zemveliso angagcina ingqolowa yawo kwintlobo zemigqomo, ukusuka kwi bhegi eziqhelekileyo ukuya kwimingxuma ephantsi komhlaba, eyona nto ingcono kukuba ingqolowa ibekumgqomo ovaleka ngci kungangeni moya ngoku khawuleza ukuze kungalahleki ukulunga kwayo ngenxa yokungunda, ukufuma okanye iincukuthu. Kweli lo Mzantsi Afrika, amafama angasebenzisa izikhwama zokugcina iinkozo ukuthintelana nelahleko ngexesha kusalindwe isithuthi sokuqokelela ingqolowa, ngexesha indawo zabucala ezise fama zingasetyenziswa okanye ezabanikazi abaliqela nazo zingasetyenziswa ukugcina ingqolowa ixesha elide.
Ukuzigcinela ingqolowa kulula xa kuthethwa ngomlomo kunokwenza, kuba ingqolowa kufuneka igcinwe kwindawo enokufuma okulungileyo nobushushu obulungileyo ukuthintela ukubola. Kufuneka ikhuselwe kwimpuku ezizirote kunye nezinye iinkumbi ezinokwenza ilahleko.

Translated by Zikhona Plaatjie