Umtshato ku Luntu Lwama Tsonga

Indlela Yokutshata

©Dr Peter Magubane

Ngokwesithethe soluntu lohlanga lwama Tsonga, ukukhetha iqabane kwakungenziwa ngendlela enye ethe ngqo. Kufuneka kulandelwe imigaqo nemithetho ethile kuqala. Abazala kwakunga vumelekanga ukuba batshatane. Ukuthwalwa kwentombi kwakungenziwa, kodwa utata angabonisa unyana wakhe iintombi acinga ukuba zimfanele.

Ukuba unyana nentombi leyo bayavumelana, unyana wayeye athumele le ntombi umsesane owenziwe ngengca okanye ngemeva, ukungqinisisa ubudlelwane babo. Emveni kokuba utata wentombi sele ebonakalise imvume yakhe ngoku sesikweni, utata wonyana wayethumela inkomo kulo ntombi. Le nkomo ke yayiba sisivumelwano phakathi kwezintsapho zombini.

Xa sele kufikelelwe kweli nqanaba, ziyaqhubekeka iingxoxo phakathi kwamalungu osapho amele omabini la makhaya. Namhlanje ukuhlawula ilobola kusapho lomfazi iseyinto ebalulekileyo. Umtshato wohlanga lwamaTshonga awukho phakathi kwala maqabane aza kutshata nje kuphela. Uqinisa ubuhlobo phakathi kwamakhaya osapho amabini.

Obu budlelwane buhamba namaxanduva kunye nemivuzo eqhubeleka nokuba omnye wala maqabane atshatileyo sele elandulele eli. Umzekelo, ukuba umfazi ubhubhe engekazali, okanye kuthi kanti ulidlolo, kuye kunikwelwe ngomnye wodade wabo ukuba azalele lomzi abantwana. Xa umyeni elandulela eli, usapho lwakhe kufuneka liqhubeke ngokuxhasa lo mhlolokazi.

Ukuba usenakho ukuzala/ukumitha, umnakubo myeni wakhe omncinci usenokumthatha njengo mfazi wakhe amzalise endaweni yomkhuluwa wakhe.

Umtshato Wesintu

©Dr Peter Magubane

Umtshato wesintu usenziwa nangoku ngabantu abaninzi bohlanga lwama Tsonga. Xa intombi ihamba kowayo, kuyaxhelwa. Emva koko uye alishiye ngokusesikweni usapho lwakhe kunye nezinyanya zakhe. Oku kulandelwa ‘kukunikezelwa’ komtshakazi kusapho lwakhe olutsha.

Emva kwetheko lomtshato kwikhaya lomyeni (muti), esi sibini siye singqinwe ngokuse sikweni ukuba sitshatile. Ngokwesithethe, umtshakazi kwakufuneka alandele imithetho engqingqwa mayelana nendlela amakaziphathe nemakanxibe ngayo kwikhaya lakhe elitsha.

Emva komtshato umtshakazi wayehlala ku muti ka mamazala wakhe, encedisa umamazala wakhe kwimisebenzi yaphakathi nekhaya yemihla ngemihla efana nokupheka nokucoca ikhaya. Umamazala wakhe ebemnika imiyalelo neemfundiso ngezithehte zelikhaya. Kwakufuneka athobele imithetho ethile ngokuziphatha xa ehleli okanye ethetha no tatazala wakhe kunye naba nakwabo. Wayeye afudukele kowakhe umzi emva kokuzala umntwana wakhe wokuqala, kodwa wayeqhubeka nokusebenzisa iziko lika mamazala wakhe de abe umnakubo myeni wakhe omncinci atshate.

Unkosikazi wakhe wayeye ahlale kunye no mamazala wakhe. Xa sele lomdlezane efudukele kwelakhe ikhaya, enalo nelakhe iziko, yena, umyeni wakhe kunye nomntwana wabo babeye bohlale kweli khaya labo. Ekuqaleni babehlala ekhayeni lotata womyeni, kodwa xa umyeni ethathe abanye abafazi, wayeye aye kuzakhela owakhe umzi ngaphandle kwikhaya lika tata wakhe. Ukuba umyeni akafudukanga ekhayeni lakhe, wayeye andise okanye okhe umuti ecaleni kwalowo ka tata wakhe.

Ekuhambeni kwexesha oku kwakukhokelela ekudalekeni kwesiduko, njengokuba izizukulwana zisiya zisongezeleleka kwelikhaya. Ubuhlobo babuqiniswa ngomtshato, kuba kwimitshato elandelelanayo, kwakuye kukhethwe odade abancinci bomfazi wokuqala. Umfazi wokuqala wayesenoku cela umyeni wakhe ukuba athathe abanye abafazi nanjengoko oku kunyusa isikhundla sakhe.

Ukuthathwa kwabanye abafazi kwakunceda nasekwahlulwa hlulweni komsebenzi wekhaya phakathi kwabafazi kunye nabantwana babo. Oku kwakuthetha ukuba usapho lwesithembu lwalusebenza ngokuncedisana, lube ke phofu lwenziwe ngeentsapho ezahlukileyo, nalapho umntu ngamnye enesikhundla kunye noxanduva lwakhe olumele yena ekuphuhliseni nokuphuculeni usapho.

Translated by Zizipho Silwana