Umculo Nomdaniso kwi Nkcubeko yama Venda

Okubaluleke Kakhulu kwi Mpilo yama Venda

©Dr Peter Magubane

Umculo no mdaniso zibalulekile kubomi bama Venda, kuculwa kudaniswe kwimitshato nakwimi ngcwabo, kwimisebenzi yesintu kunye nakwimisebenzi yolwaluko, ukusela umqombothi nokudibana. Umdaniso ubalulekile kwiicawe zabucala apho ama Venda ama ninzi akhonza khona. Iimvumi zicula iingoma ezaziwayo zenkonzo, kodwa ke ezesintu ziye zixutywe nezale mihla.

Izixhobo zomculo, umculo, umculo nomdaniso zibonakalisa ubume ebomini namandla, kwaye zine mbonakaliso yokubaluleka kwenkolo. Izixhobo ezininzi ezithe zanyamalala e-Afrika zisasetyenziswa: imbila (xylophone), mbira (thumb piano), thsikona (reed flutes), izixhobo zomculo ezinentambo, mirumba (treble drums), ngoma (bass drums) kunye ne thungwa (amagubu afana ne ngoma, kodwa mancinane).

iinkosi zazine (kwaye zisenalo) iqela le tshikona, lona ke lalibonakalisa amandla nobungangamsha kunye nabantu babo. Amagubu ama Ngoma yenye yembonakaliso zawo zobukhosi, kudala zazidlala enkundleni kuphela. Abantwana abancinci bakhuthazwa ukulinganisa iingoma zabantu abadala kunye nemidaniso. Xa sele bebadala bacule iingoma zabantwana (nyimbo dza vhana): nyimbo, ingoma ezilula eziculwa emini, kunye ne ngano emveni kwemini, ingakumbi ngexesha lesivuno (mavhuya-haya).

Ezi ke zikhankanywe ekugqibelei ziingoma ezihamba namabali, ziculwa ngabantu abadala kunye nabantwana abangamakhwnkwe nama ntombazana. I-Dzombo, ibonakaliswa ngomdaniso obonakalisa ucantsi, yenzeka phantsi kokukhanya kwenyanga yasebusuku kunye ne mavhuya-haya. Amantombazana nama khwenkwe ayajongana, kuqhwatywe, kudaniswe ngoku landelelana phakathi kwemigca. Umdanisi uye achukumise owesinye isini ukubonakalisa lowo amkhethayo. Iingoma zinezingqi nesandi kwaye zinobunzima kune nyimbo ne ngano.

Imidaniso yama Venda

©Dr Peter Magubane

Eyona midaniso eyenziwa lulutsha phambi komtshato yi tshikanganga kunye ne tshigombela. Zibalulekile kubo bama Venda, kodwa ubugqina bucacisa okokuba asikhondala. I-Tshikanganga ngumdaniso okhawulezayo owenziwa ngamakhwenkwe adlale iimpempe (reed-flutes) ze iintombi zibakhaphe kwi thungwa naku magubu emirumba.

Yenzelwa ukuzivisa kamnandi, kodwa ke kufuneka imvume esuka kwikomkhulu okanye inkosi ephetheyo. I-Tshigombela yamantombazana, yenziwa phambi kokuba kuvunwe. Ikhatshwa yi thungwa enye kunye namagubu emirumba amabini, intombi iqala ukucula ingoma ze abanye bangenelele kwitshanti; umdaniso ujongisa kwelinye icala kumagubu kwaye isandi sengoma siye sisonyukela. Umdaniso i-malombo sisigaba sesibini sonyango (kumntu ongumama) onomoya ongendawo (tshilombo).

Xa umntu ongumama egula ze inyangi ichaze okokuba une tshilombo, kufuneka unyango olulodwa. Okokuqala, lowo ukhethekileyo onyangayo (maine a tshele) uye enze lowo obhinqileyo abekwisimo somntu ongazaziyo, simwise phantsi, umnyanga ngamayeza acele imimoya izichaze nenjongo zayo. Imimoya iye yaziswe emzimbeni walowo obhinqileyo ohlutshwa yimimoya (phakathi), kunokuba avaleleleke. Kwisigaba sesibini, lomoya udibana nabadanisi ba malombo babo babethe banyangwa.

Umdaniso wenzeka enkundleni khoro (inkundla) yenkosi, othi aboleke ilali ezinye zezixhobo zakhe. Umoya ke ubayi ndoda, ababhinqileyo abane mimoya baye baziphathe nje ngamadoda, banxibe oko kwamadoda (indrubhatyi, amaqhina kunye nezankwane) baphathe izixhobo zamadoda (imikhonto okanye amazembe). Konke kukhokhelele kwinkolelo yokuba isintu sa malombo ngumbutho wamabomvu achasene nokuphatha nokubaluleka kwamadoda.

Translated by Zikhona Plaatjie