uLawulo Lwesivuno se Spinatshi

© Eric Miller

uJikeleziso Lwesivuno

Yinto elungileyo ukujikelezisa isivuno xa uvelisa ispinatshi uku zama ukuthintela inkumbi nezifo kwi spinatshi. Jikelezisa nethanga, imbotyi, iphizi, ilethasi, itomato, ne khaphetshu.

Isivuno - Itoni ngokwe hectare

oKuqhelekileyo (conservative): itoni ezilishumi eline sihlanu
oKuphakathi (Average): itoni ezingamashumi amabini
oKulungileyo (Good): Itoni ezingapha kwashumi amathathu

Ukuvuna

Kuvunwa ngesandla ngemela ebukhali okanye isixhobo esithile sokuvuna esibukhali kwi kwimveliso encinci. Oku kuvumela ezikhulayo zikhule kwixesha elide yandise isivuno. Nqumla lamagqabi angaphandle nge 40mm emhlabeni. Oku makwenziwe rhoqo ukukhuthaza kwaye yandise isivuno. Kwi fama ezinkulu ezilimela ukuthengisa oku kwenziwa ngomatshini maxa wambi. Kwezi ndawo zinkulu ubuzaza bezityalo bunzulu.

uKuzigcina

iSpinatshi asigcineki kakuhle kufuneka sigcinwe kwindawo epholileyo emveni kokuvunwa ngoku khawuleza. Iziphumo ezingcono zikubushushu obuku 4 degrees celcius nokuphuma okuthangani. Okungapha kwe 85%. Ispinatshi kufuneka sigcinwe kwisi khenkcezisi ubuninzi bentsuku eziyi 7 phambi kokuba sityiwe ukuqinisekisa umgangatho wemveliso. Lilonke imveliso kufuneka isiwe kubathengi emveni kokuba ivuniwe.

uLawulo lwe Nkumba

Nematodes, Snails, Cutworm, Aphids, Slugs, Hawaiian Beet Worm, Loopers. Leaf Miners ne Cterpillars.

Izifo

Leaf Pot, Spinach Blight, Mosaic virus, Downy Mildew, Curly top, White Rust, ne Powdery Mildew.

Translated by Zikhona Plaatjie