Ukutshintshwa ko Mfanekiso ka Mandela

© Eric Miller

Eyona Nkokheli Ithandwayo

Ukuduma kuka Mandela kwakuyimbali, kwaye ngokwe saveyi eyenziwa ngo Meyi ka 2007 isenziwa yinkampani yophando iMarkinor, wayesiya eduma ngokuye ekhula. Ngomhla agqiba iminyaka engama 89, wi saeyi abantu abangama 3500 abamele abantu abadala eMzantsi Afrika, uNelson Mandela wafumana amanqaku angama 9.2 kwi 10, oku kumenza abe yeyona nkokheli ithandwayo elizweni.

Kodwa xa kanye uMandela wayesenkcochoyini yoku kuthandwa luninzi, yena kunye ne Nelson Mandela Foundation babe xakekile bezama ukutshintsha umfanekiso wakhe. Le Foundation yacela uluvo lwabantu ukuba kungenziwa njani oku.

Iinjongo Ezingaqhelekanga

Abasebenzi bale Foundation baza necebo lokususa ubuso buka Mandela kwizibhengezo zabo baze endaweni yabo bafake umfanekiso wesandla sakhe esivulekileyo sangasekhohlo kunye nomsesane wakhe womtshato ucace gca. Nangona kubonakala ngathi uNelson Mandela wayengumoya ohambayo emva kwale projekthi, izizathu zokufuna ukwenza oku azicacanga. Umnye umbhali we kholam ye phepha ndaba, uWilliam Saunderson-Meyer, neyamethusayo lento nowayezama ukuqonda isizathu sale njongo ingaqhelekanga.

Saunderson-Meyer Waphawula:

Iinjongo ze Foundation azicacanga ncam. Uphawu oluyimpumelelo alufani novavanyo lwe Rorschach nalapho ufunda nantoni na oyivayo ngalomzuzu. Ezona mpawu zizizo zezicacileyo nezingafuniseliyo. uMandela naye uyakuqonda oku. Yayikwanguye owangenelela wasindisa I Springbok njengophawu olulingana ne sentyuri njengo phawu lwe bhola yombhoxo lwase Mzantsi Afria, ngethuba iqela le African National Congress luthatha intambo zokuphatha ngonyaka ka 1994.

Kunzima ukwazi ukuba kutheni le Foundation yafuna ukungenelela kwimpumelelo ka Mandela Mhlwawumbi u Thixo kunye no Muhamad badinga amava ekutshintsheni indlela izinto ezibonwa ngayo. Kwenziwe izinto ngendlela ehambelana no Mandela.

Le yindoda eyayithandwa lihlabathi lonke liphela kwaye wayebonwa njenge ngcwele. Isaveyi yase Melika kwiminyaka embalwa egqithileyo yabonisa ukuba igama lika Mandela liza emva kwe Coca-Cola kuphela kwihlabathi lonke. Inkampani yakwa Coke ichitha izigidi izama ukwakha igcine negama layo liphezulu. uMandela yena uphila impilo yakhe enguye qha.

Translated by Zizipho Silwana

Nelson Mandela our beloved President by Raymond Louw

Yayingekuba enxibe ijersey yamabhokobhoko kumdlalo wokugqibela, eyanikeza uMzantsi Afrika indebe yesizwe beqala ukuvela kwelokhuphiswano , n...more