Ukusebenzisa Amayeza kwiiHagu Ngendlela Efanelekileyo

©National Pork Board, USA
Ukuze ufumane iziphumo ezincomekayo, amayeza, ugonyo, nolunye unyango kufuneka zigcinwe, zisetyenziswe okanye zinikezwe ngokwe milinganiselo efanelekileyo ebhaliweyo. Kufuneka uqaphele ukuqinisekisa okokuba iihagu zigula yintoni phambi kokuba uzinikeze amayeza ungenalo olo lwazi. Ukungalandeli imiyalelo, kuzakwenza okokuba iyeza lingasebenzi kakuhle, linikeze ukhuseleko olungagqibelelenga kwizifo kwaye kubeyilahleko emalini.

Funda Imiyalelo

©National Pork Board, USA
Phambi kokuba wenze nantoni na, funda imiyalelo ukuze uqonde okokuba amayeza kufuneka anikezwe njani. Qaphela usuku loku phelelwa elibhaliweyo, kuba amayeza aphelelweyo angangasebenzi ngendlela ekufanele asebenze ngayo.

Gcina Amayeza Kwindawo Epholileyo

©National Pork Board, USA
Amayeza afuna ukugcinwa kwindawo epholileyo, kufuneka agcinwe kakuhle amayeza kwimveliso yamayeza de anikezwe izilwanyana efama. Ukuzama uthintele okokuba angabikho kwindawo ebandayo, amafama mawathenge kwindawo ezithembakeleyo ze agcine amayeza kwi bhokisi eline zikhencezisi xa ehanjiswa esiwa efama. Xa sele esefama, amayeza mawagcinwe kwindawo kwisikhenkcezisi esitixekayo de asetyenziswe. Amayeza angaze ayekwe endaweni enelanga, kuba ilanga lingachaphazela ukusebenza kwamayeza.

Nikeza Umlinganiselo Ofanelekileyo

©Roger de la Harpe
Ukunikeza amayeza kancinci okanye kakhulu ngexesha akuzukunikeza iziphumo ozifunayo. Ukunikeza iyeza kancinci kungenza iihagu zingakhuseleki kakuhle, logama ukunikeza amayeza angapha komlinganiselo akuzukuba yindleko empokothweni kuphela kodwa kunganeziphumo ezingancomekiyo.
Xa uxuba amayeza, afana ne diphu nezi preyi, kufuneka uqinisekise okokuba uxuba kakuhle ngoko myalelo obhaliweyo. Amanzi kufuneka acoceke abese mgangathweni kuba xa iiminerali ezithile zikwi zinga eliphezulu emanzini angane asidi eninzi kwaye kungena amayeza angasebenzi.

Nikeza Amayeza Ngendlela Efanelekileyo

©National Pork Board, USA
Qinisekisa mayeza anikezwa ngendlela efanelekileyo ngokwemiyalelo ebhaliweyo eyezeni. Lowo unikeza amayeza kufuneka aqeqeshwe, hayi ukunikeza iyeza kakuhle kuphela kodwa aqiniseke okokuba iihagu azihlukumezeki. Ukuhlukumezeka emoyeni akuphazamisi impilo yesilwanyana kuphela kodwa kwenza okokuba zifunyanwe zizifo kwaye kwenze amayeza angasebenzi kakuhle.
Xa amayeza kufuneka anikezwe kwinaliti, inaliti kufuneka ifakwe kwindawo efanelekileyo emzimbeni wesilwanyana, ngesiqhelo entanyeni. Amaqokobhe okunikeza amayeza kufuneka atshitshwe rhoqo emveni koku tofa ukuthintela ukusasazeka kwezifo.
Amayeza anikezwa ngomlomo, kufuneka kuqinisekiswe okokuba ihagu iyaliginya iyeza xa kunikezwa iyeza xa iyeza linikezwa ngamanzi okanye nokutya. Xa unikeza iihagu iyeza emlonyeni, iSouth African Pork Producers Organisation (SAPPO) kwincwadi yayo ethi Manual for Emerging Pig Farmers amafama abamba intloko ijonge phezulu asebenzise oko kusetyenziswa xa kunikezwa iyeza. Umphambili we sarinji kufuneka ufakwe emacaleni omlomo ngaphantsi kolwimi ukuze iyeza liginyeke lingehli ngempumlo.

ii-Antimicrobials

©Roger de la Harpe
ii-Antimicrobials ncakasana, xa zisetyenziswe ngendlela engeyiyo zingenza i-antibiotic ingasebenzi, oku kuthetha okokuba le iphilisayo kwiyeza ayizukusebenza kakuhle, de ingabina msebenzi kulawulo lwezifo ezithile.
Kukhona ukuxhalaba kwilizwe jikelele malunga nonyamezelo kwi anti-microbial kwenze amafama abe phantsi koxinzelelo olungamandla okokuba asebenzise i-anti microbial ngobunono kwaye xa kukho isidingo. eMzantsi Afrika, iianti-microbial zifumaneka xa ubani ethe weza nephepha likagqirha wezilwanyana.

Translated by Zikhona Plaatjie