Ukuqeqesha Amafama Amatsha afuye Imivundla

© Judy Stuart

Imivundla ayifani nezinye izilwanyana ezifuyiweyo. Inezidingo zayo ezinyanzelekileyo, kwaye xa zingenziwa kumanqanaba onke Imfuyo yemivundla ingaphela. Kubalulekile okokuba amafama amatsha aqeqeshwe ukuphatha nokujongana nengxai ezinokuvela nokukwazi izidingo zemivundla phambi kokuba baqala ukufuya.
Zikhona izifundo ezifundisa ngokufuya Imivundla emzantsi Afrika kwaye kubalulekile ubanalo olu lwazi phami kokuqala njengo mfuyi wemivundla. Xa imininci Imivundla, kubaluleke kakhulu ukubanaye umntu onokuthembela kuye xa izinto zingahambi kakuhle.
Eneneni. Xa intsapho ezininzi ekuhlaleni zifuna ukufuya Imivundla, kufuneka kunyulwe ilungu eliza kuba ‘ngumqeqeshi’ kwaye lomntu kufuneka angenele izifundo zolawulo lokufuya Imivundla.

Translated by Zikhona Plaatjie