uKuchonga uDyakalashe Omnyama-Ngemva Ngokwembonakalo

©Shem Compion
Ukuze ubenolawulo oluluqilima loku lawula ukutyiwa kwezilwanyana zezinye, esona silwanyana singunobangela womonakalo kufuneka sichongwe. Imikrwelo yokulunywa, umonakalo kumathambo, indlela yokutya, iinzipho, neentwana-ntwana zenwele kufuneka zonke zijongwe xa kuchongwa isilwanyana esingunobangela.

uDyakalashe Omnyama-Ngemva

©Roger de la Harpe
uDyakalashe omnyama ngasemva unenkangeleko yenja. Unombala omhlophe ongqindilili ongathi yisali ngemva, umsila omnyama nendlebe ezinkulu ezimileyo, ziphantse zabomvu ngemva. Lo dyakalashe ukhula afikelele kubude obungu 115 cm, logama omdala enobunzima obuphakathi ko 7 ukuya ku 10 kg.
Iinzwane zika dyakalashe zifana nezenja, zime okwebhola yobhoxo kwaye zishiya imikwelo yeenzipho, kwaye ubude benzwane buyabogqitha ububanzi. Zizilwanyane ezithanda ubusuku, kuxhomekeke kwixesha lonyaka, uyazimela okanye zibeyingxenye yosapho. Uphawu lokuqala xa elungele ukuzala kuxa ekhonya kakhulu kwinyanga ka May no June, okanye zikhonye kancinci xa ziqalisile ukwenza amantshotsho, ukuze amantshontsho kadyakalashe angaziwa ukuba andawoni. Ukukhonya matshona kwelanga naxa kuphuma ilanga kutsholo kufuphi nendawo yazo yokuphumla, kodwa ukukhonya kwindawo abahlala kuyo kungaba kufuphi nendawo abazingela kuzo okanye ekoneni yendawo elikhaya kodyakalashe.
Ngexesha lokuzala, baye bangavumeli ezinye izilwanyana apho bahlala khona de bagxothe amantshontsho azelwe kwixesha elidlulileyo lokuzala. Iimazi zimitha iintsuku ezingama shumi amathandathu nantathu (63), zizale ukususela ngo August ukuya ku September.
Amatshontsho azalelwa kwindlwana ezingaphantsi ezisebumnyameni. Imazi ihlala namantshontsho phantse iiveki zokuqala ezintathu, ngelixesha inkunzi kufuneka iqokelele ukutya ikusize apho kuhlalwa khona. Maxa wambi udyakalashe osemncinci ozalwe kwixa elidlulileyo uye abengumncedisi naye ancedise ukuzisa ukutya kwi mazi.
Amantshontsho amancinci aye asuswe abekwe kwindlwana entsha xa eneveki ezine. Amantshontsho ahlala esondele kwi mazi de abemadala akwazi ukuzingela njengo dyakalashe abadala pha ngenyaka ka January, ukuya ku February. Amantshontsho ka dyakalashe omnyama ngemva abamadala akwazi ukuzihambela okanye ukuzingela ngokwayo ngo March, April, emveni koko ahlale kufuphi nendawo ebalulukeileyo basebenzise imingxuma xa kufuneke babaleke.

Indlela Yokubulala Nokutyisa

©Karl Svendsen
uDyakalashe omnyama ngemva uye aleqe ixhoba ze alilume ecaleni kwentloko. Kungade kubekho imigca yamazinyo phakathi kwendlebe namehlo kweso silwanyana, okanye indleba yexhoba ingakrazuka. Imivumba yokulunywa ingaphuma emveni kwemilenze okanye emabeleni.
Bathanda ukubulala isilwanyana esinye ngexesha, amaxhoba ke ingamatakane egusha, ukuya kwigusha ezinkulu ezibuthathaka, kunye neenkomo namathole azo. Udyakalashe angayisukela inkomo elele phantsi namathole aqale ukutya amathole xalivela okanye amabele enkomo okanye izihlunu ezingaphakathi emilenzeni engasemva.
Indlela eziluma ngayo ixhoba, iqale itye amazantsi okanye isisu, ishiye isikhumba sinomgqobho ngaphantsi. Zisusa amathumbu nesisu emzimbeni ze udyakalashe atye indawo ezithambileyo ezifana nentliziyo, isibindi nezintso. Ziyazitya neembambo apha ekuqaleni. Odyakalashe abavama ukususa isiqu esiseleyo sesilwanyana esifileyo kulondawo bebelibulele kuyo ixhoba.

uLawulo

©Shem Compion
Ulawulo kufuneka lujongiswe kwezo zilwanyana zenza umonakalo. Ucingo oluthintela koodyakalashe, elinemigqobo emincinci ebubude obungu 1,2 m ukubheka phezulu nemigqobho engama 74mm, okanye ucingo lombane oluthintela ingxolo, ukukhanya, namavumba, izilwanyana ezingonogada, abelusi nokuthi kubekwe imfuyo ebuhlanti ebusuku kunganceda ukuthintela ilahleko.
Amafama afuna ukuzingela ebusuku okanye azigele nezinja ukubulala izilwanyana ezenza umonakalo ezingo dyakalashe abamnyama ngemva kufuneka bafake isicelo semvume kwi ofisi zesebe lezendalo apho bahlala khona.

Translated by Zikhona Plaatjie