Ukuchonga Intini

©Roger de la Harpe
iCape Clawless Otter eyaziwa ngentini esixhoseni (Aonyx Capensis) eligama layo lisukela kwinyawo zayo zangaphambili eziqhele ukugrumba, yiyo lonto zingena nzipho. Iinyawo zangemva zinenzipho ezifumaneka nzima kwinyawo ngalinye.
Lelona hlobo luhanjiswayo le ntini ku Mazantsi we Afrika, ihlala kwimilambo emikhulu nakuma chibi amanzi amancinci. Amanzi acocekileyo asempilweni abalulekile kwindawo ezihlala kuzo, ngokwe Conservation assessment of Aonyx capensis, hayi ngenjongo yokusela kuphela kodwa ngokuba iintini azinaso isambatho sangaphakathi samafutha yiyo lonto kufuneka uboya bazo obuqinileyo kufuneka bufakwe emanzini ngenxa yobushushu bomzimba.
Iintini zinkulu kakhulu, zingakhula ukuyokuma ku 2metres ubude nobunzima obuphakathi ko 10kg ukuya ku 21 kg. zinoboya obukhanyayo ukuya bumdaka nombala onenkangeleko yombala omnyama xa bumanzi, imilebe emhlophe, isilevu, umqala, iindlebe nesifuba esiphezulu kunye namabhovu amade Ambala omdaka-mhlophe. Imisila yazo ingaba bubude obungamashumi amahlanu (50 cm), kwaye isetyenziswa ukuzixhasa xa zihleli ngemilenze yangemva ukuze ilungise imilenze xa zidada.
Ziye zidlale ngemisila yazo xa zihamba-hamba
Ngokubhalwe yi Interesting facts about Cape Clawless Otters (Aonys Capensis),ngokubhalwa ngu Jared Harding, ezi ntini ngesiqhelo zizilwanyana ezizithandela ukuba zodwa kwaye zihlala kwindawo yazo ngokwa maqela osapho ukuyokuma kwisihlanu, kusapho ngalinye. Sapho ngalinye linohlobo nendlela yalo kwaye luyazihlalela de kufike ixesha loku mithisana inyanga ka December.
Ziye zizale intshotsho elinye ukuya kwamathathu emveni kokumitha iinyanga ezimbini. Lamantshontsho aye akhuliswe ngo nina ahlale nabo de alungele ukuya ecantsini xa enonyaka omnye. Amantshontsho ayalunyulwa xa enentsuku ezingamashumi amathandathu.

Indlela Yokubulala Nokuzityisa

©Roger de la Harpe
Iintini (Cape Clawless Otters) ziye zixakeke kakhulu ematshona kwelanga, kuxhomekeke kwindawo ezihlala kuyo. Umzekelo kwi Drakensberg, ziye zibonakale zizula esiphakathini senjikalanga, logama zixakeke kakhulu ebusuku ngenjongo yokunga dibani noluntu nezinja kwindawo ezingakhuselekanga kwi Cape Peninsula ne Gauteng. Kodwa ke kungazingelwa nanini na emini.
Zithanda ukutya izilwanyana ezincinci ezifana nentlanzi, ononkala, amasele kunye nezinambuzane, kodwa ziye zidike kwiifama zehagu kunye nentlanzi kuba ziye zibulale izilwanyana ezininzi. Iimvu nazo zinganga maxhoba entini, ixhoba liye lifuthamiseleke xa impumlo sele ziyityile iintini zingatya impumlo, iindlebe kunye nemilebe yethole maxa wambi nesifuba.

uLawulo

©Roger de la Harpe
Incwadi ye Predation Management Manual icebisa amafama okokuba anqande ilahleko ngokuthi asebenzise ucingo oluyi nethi elibubude obuyi metre, kunye nocingo lombane olubekwa ku 45 cm ukususela emhlabeni. Isibaya ebusuku, ukusebenzisa abelusi kunye nezilwanyana ezinakekela ezinye zinganceda ukukhusela izilwanyana ezisemngciphekweni ukuze zikhuseleke.
Amafama kufuneka afumane iimpepha mvume kwabasemagunyeni xa befuna ukubambisa intini nge rhastile. Lencwadi icebisa okokuba amafama afake ibhola ye tennis kwindlwana ukugcina intini ixakekile xa zibanjiwe nokuvikela zingonzakali.

Translated by Zikhona Plaatjie