Ukuchetywa Koboya Beebhokhwe I-Angora

©Mohair South Africa
Uboya bebhokhwe be-Angora buchetywa njalo kwinyanga ezintandathu. Ubukho boboya bahluka ngokwe minyaka- ukusuka ku 500g kumatakane. Ukuya kwi 2kg kwiibhokhwe ezindala. Obuboya bubizwa i-mohair hayi i-Angora. I-Angora isuka kwimivundla ebizwa i-Angora.
Amanqaku okucheba jikelele:
Ibhokhwe ecocekileyo ichebeka lula kune mdaka.
Ibhokhwe kufuneka yomile.
Ukusika kulula nakuno kucheba ingakumbi kumntu osaqalayo.
Ungasiki indawo enye kabini, ingakumbi xa ubude bayo buwunika umgangatho othile.
Ukuba awuqhelanga ukuzicheba, iibhokhwe zichaphazeleka lula zizibulali kunye nezifo. Inwele ezinde ziphazamisa nokubona kunye nentshukumo, into enokunqanda ibhokhwe ingatyi kwaye ingaseli. Ingawaphazamisa namatakane ukuze angancanci.

Ukuphatha iiBhokhwe i-Angora

©Marinda Louw
Xa ucheba iibhokhwe i-Angora, kumele ziphathwe ngobunono kwaye usivumele isimilo sazo sendalo – ziqavile kwaye zibhadlile. Ukuchetywa kuyadina kwiibhokhwe futhi ukuziphatha ndlongondlongo kumele kuphetshwe. Iibhokhwe zingabambeka phezulu endulwini okanye ngophondo, ngokuxhomekeke kwiminyaka yazo kwaye akumele zitsalwe ngemilenze. Musa ukusebenzisa izinto zokucheba zombane kwiibhokhwe. Ibhokhwe kumele ixhaswe okanye uyixhase ngemilenze yakho. Ukucheba kumele kuqalwe ngasemva kusiyiwa ngaphambili. Yenza ngesantya esiphantsi uze uyichebele kufutshane emzimbeni wayo ibhokhwe.

Ucoceko Ngethuba Lokucheba

Ukunqanda ukosulela kwezifo kubalulekile xa kuchetywa. Izixhobo zokucheba nabachebi (abachebi bezandla okanye abachebi boomatshini) bangasasaza izifo ezisulelayo kwimfuyo okwanye phakathi kwemfuyo, kengoko imigaqo elungileyo yokulwa izifo kufuneka ilandelwe. Qala ngokucheba amatakane phambili ukunqanda ukosulela okusuka kwiibhokhwe ezindala. Phambi kokuba kuqale ukucheba indlu yokuchebela yonke kufuneka icociwe futhi kubulawe zonke iintsholongwane.
Emva kokuba kugqityiwe ukucheba, bonke uboya (mohair) kumele bohlulahlulwe ngokweendidi, bapakishwa bakhutshwa e-shedini futhi kubulawe iintsholongwane kwizixhobo zokucheba. Izixhobo zokucheba kumele zibulawe iintsholongwane ngamathuba amaninzi xa kuchetywa ukunqanda ukwanda kwe zifo. Ukuba umchebi uchebe isilonda ebhokhweni kufuneka atshintshe i-blukhwe anxibe enye ecocekileyo. Indawo yokuchebela nayo makubulawe iintsholongwane kuyo. Izilwanyana ezifileyo azinakuxhelelwa kwi-shedi yokuchebela kwaye izilwanyaneezigulayo ngokunjalo azinakugcinwa kwi-shedi yokuchebela. Izikhumba okanye iziphakathi azinaku sukelwa okanye zicocelwe kwi-shedi yokuchebela.
Ukucheba kumele kwenziwe ngabachebi abanamaphephe emvume. Qinisekisa ukuba amanxeba okucheba ayanyangwa ngesibulali-ntsholongwane kunye nefutha lamanxeba lokuxhotha iimpukane ukunqanda ukusuleleka zizifo. Iibhokukhw kufuneka zifumane ukutya namanzi acocekileyo msinya emva kokuchetywa. Zama ukuba ungazivezi iibhokhwe i-shorn kwizimo zezulu ezimbi njengobusika kunye nemvula. Qinisekisa ukuba zinendlu futhi wongeze ukutya okunesondlo esikwizinga eliphezulu kwii reyishiyo (ratio) yazo.

Translated by Aviwe Damane