uKuba si Sangoma

uNothando Kubukeli ubalisa ibali lakhe lokokuba waba si Sangoma njani.

uBizo luka Nothando

©Eric Miller

Ndiseyintombazana, ndagula kakhulu. Ngobunye ubusuku koku kugula, ndabane phupha ingathi ndihamab ehlathini ne zangoma ezininzi. Ngobunye ubusuku, ndandikwisangqa se zangoma ndafikelwa lilizwi, ilizwi lezinyanya zam lindixelela, ’Ngutishala wakho lo.

’ Isangoma eside saphakama, sibambe ikhuni elide eline nwele zenkomo ekugqibeleni, elikhuni le sangoma walibeka phambi kwam, wathi,’ ukusukela namhlanje, igama lakho ayingo Nothando.

Unengama elitsha ngoku, igama lobu sangoma. Ngu Nomagqirha.’ Kwela phupho izinyanya zam zandixelela okokuba esi sangoma besithetha nam yayingu Solomon Gomono, kwaye sizakumfumana e Uitenhage (Tinarha) kwaye uyakuba ngumfundisi/ titshala wam. Ndaxelela utata ngeli phupho.

Yayi lubizo lwezinyanya okokuba ndibe sisangoma. Sathabatha uhambo ngo loliwe sisingise eTinarha siyokukhangela uSolomon Gomono. Emveni kokubuzisa, safumana indawo,iGxapa, apho wayesebenza khona. Ndathi ndisakungena ngomnyango, ndaziva ngcono. Esi sangoma yayi ngulo titshala wayekhona ephupheni lam. Wandijonga emehlweni wathi kutata, ‘Lentombazanana ayinazi ngxaki zentliziyo kwaphela. Unobizo lokuba si sangoma.’

uQeqesho lokuba si Sangoma

©Eric Miller

ukulungiselela uqeqesho lokuba sisangoma kwakufuneka ndenzelwe umsebenzi wokuhlanjwa, nezinye intombi nabafanyana abasibhozo. Kwakufuneka sisebenzise amachiza amaninzi esasiwanikwa sisangoma. Omnye yayisisikhondo somthi iMaphipa, ekwakufuneka sisishiye epheyileni lamanzi ebusuku. Omnye yayingamagqambi we Mpepho, nayo ifakwe epheyileni lamanzi ebusuku.

Ngentseni sasivasa ngamanzi asuka kula mapheyile. Sasiguba nengcambu emhlophe ekwakuthiwa yi isilawu, efumaneka ethafeni isemanzini, kusetyenziswa ikhuni ukuzamisa de ibeno gwebu. Sasi sela elagwebu. Emveni koko sitshise enye impepho sizogqume ngegubo phezu kwayo ukurhogela umsi wayo. Kulapho izinto ezifihlakeleyo, imibono ekhethekileyo ebonwa zizangoma kuphela, iqala ukuvela.

Phambi kwalo msebenzi, ndandi thanda ukuphupha ngotato mkhulu, owaswelekayo. Kodwa ngoku, emveni kokurhogela umsi we mpepho, ndava umoya opholileyo ebusweni bam, phambi kwam utatomkhulu wam wavela ecace gca – oku komntu osaphilayo. Wandinika intsikelelo nge kamva lam. ‘Uye kumntu olungileyo okokuba akuqeqeshe,’ watsho.

uMsebenzi we Sangoma

©Eric Miller

Ekupheleni komsebenzi kowuhlanjwa, kwabakho umsebenzi obalulekileyo.’ Danisani danisani, nonke danisani,’ watsho utitshala wam kwaye, namakhulu abahlobo nezihlobo besingqongile, becula besiqhwabela, sadanisela ulonwabo, sibhiyoza nabaphantsi. Ndandineminyaka elishumi elinesithandathu (16). Ndandiziva ndina mandla, ndomelele. Yayilixesha endando nwabe kakhulu ngalo ebomini bam. Ngoku, ndimdala, andikwazi kwenza omnye umsebenzi ngaphandle kokuba sisangoma, ngokuba andidale lwanga ukwenza omnye umsebenzi. Ukubangu mcedisi emzini womntu akunakulunga.

Ngamanye amaxesha andinamsebenzi iiveki ngoba akukho mntu uza kum. Kodwa akhona amaxesha abeza ngawo, Kanye enyangeni ndiye ndiyokusebenza kwi Wellness Centre edolophini eObservatory. Abamhlophe, abamnyama nabe bala bayeza bezokudibana nam befuna uncedo xandiphaya

. Ndilahla amathambo, ndikwazi ukubaxelela yintoni engahambi kakuhle ezimpilweni zabo, abanye babo bayandicela, ‘Mama, ndidinga ucoce indlu yam kwimi moya emibi. ‘Amaphupho wam anamandla kakhulu, ezininzi endiziphuphayo ziyenzeka. Yenye yetalente zokuba sisangoma kwaye andinokutsho ngakumbi ngoko, okanye ndiwachaze lama phupho. Izangoma azizithethi ezizinto.