UDr. Peter Magubane umfoti osesikweni ka Nelson Mandela

© David Meyer-Gollan

Ukudibana no Nelson Mandela

uDr. Peter Magubane ukukhumbula umhlangano wakhe wokuqala nale ndoda, eyathi exesheni yabalwa ngenjomhlobo wakhe wobomi. ‘kwakungezi ntsuku uMandela wayesebenza njenge Gqwetha. Ndadidinga igqwetha loku mela utata wam owayebandakanyeke kwingozi yemoto, ndaya ke kwi ofisi zika Mandela no Tambo,’ utsho ekhumbula. ‘ngelaxesha ndandingayazi okokuba banzulu kangakanani kwezopolitiko zase Mzantsi.

UMandela wandixelela ukuba uxakekile kwaye akafuni kuthatha amatyala amaninzi okunceda, njengoko wayegqibezela umsebenzi ebesele enawo. Kwafuneka ndifumane elinye igqwetha.’ Exesheni, abantwana baka Peter bahlobana nabantwana baka Mandela ngenxa yokuba babehamba isikolo esinye eSwaziland. ‘Ndandi kwazi ukubasa esikolweni njengoko ndandisazi umama wabo u [Winnie Madikizela- Mandela] akakwazi ukubasa njengoko wayevaliwe ukuhamba-hamba.

Ngethamsanqa ndandi nabantu endinothembela kubo kwaye bangandixeli,’ uyachaza uPeter.Kancinci, ngoku ngaqondakaliyo ubuhlobo bakheka phakathi kwaba bezopolitiko babini. – Omnye ethetha ngamazwi nezenzo, omnye ethetha nge Khamera.

Ukundwendwela eRobben Island

UDr. Peter Magubane wathabatha uhambo loku ndwendwela uNelson Mandela eRobben Island, kwathi ke oku kwaqinisa ubuhlobo kulo wayesaza kuba ngu mongameli welizwe, nalowo wayesazakuba ngumfoti wakhe owahlala onwabile. wayene gama elithile lesi Xhosa owazibiza ngalo uPeter elingu- Ralanqobuso Mtirara.

Andazi ke ukuba bandingenisa njani, kodwa bandingenisa. Sobabini ke sacinga nzulu ngokuba ixesha liyichaphazele kanganani inkangeleko yethu kodwa sobabini, singama gokra omeleleyo entliziyweni, ‘utsho uPeter.

Wandi halalisela ke uMandela kumsebenzi endandiwenza wokuthatha imifanekiso eveza ukukhohlakala kweli lizwe ngelaxesha, kwaye ndikwenza ndingena loyiko.

’ Lomhlangano waba mfutshane kunzima nokuncikola njengoko babejongwe ngono gada bentolongo ababini, kwaye beme kufuphi. Kodwa nalapho, uPeter wayeyazi okokuba unxulumano olubalulekileyo lwenzekile phakathi kwala madoda mabini.

Ithuba elinqabileyo

Ngomhla we 11 February ngonyaka ka 1990, uDr Peter Magubane wadibana nokuphoxeka okukhulu. ‘Olona suku lwe mbali lubalulekileyo kweli lizwe,mhla aphuma entolongweni uMandela, olusuku lwabanzima kwisakhono sam soku thatha imifanekiso. Abantu abaninzi babegcwele ngaphandle kwe ntolongo iVictor Verster ePaarl.

Abantu babekhwele phezulu kwezithuthi ne trukhi. Abafoti babelele phantsi, nam ndabaxuba ndizama ukufumana indlela kuthatha imifanekiso yalemini ibaluleke kangaka. Wathi esakuphuma uMandela, lenginginya yabantu yatyhudisa isiza ngaphambili ngamandla amakhulu abantu banyathelana.

Kumsebenzi wam wonke njengomfoti, lo ngowona mfanekiso endingazange ndikwazi ukuwuthatha. Ndandikhathazekile kakhulu kodwa ndandinokwenza ntoni? Isisombululo yayikuku qhubeka nobomi ndizixolise ngoko kuba zininzi ezinye iziganeko ezibalulekileyo endathi ndathatha imifanekiso yazo.

Uhambo luyaqala

Lwaqala apho uhambo lwembali .uPeter ke uyawubona lommangaliso owenzeka kwimpilo zabantu base Mzantsi kwiminyaka emine njengo mfoti osesikweni. Uyazisebenzisa ke indawo ezivelayo kuye, kumathuba amaninzi okufota avelayo kulendlela iyakulawulo olutsha kwezepolitiki.

uMagubane ke uyachaza okokuba ubudlelwane bakhe noMandela bakhula kulendlela yoxolo bayi hamba kunye. ‘Sasisele sithembana kwaye sihloniphana ngoku linganayo.

Njengomfoti, njengomntu owayeshicilela imbali, akusoze ukwazi uthetha inyaniso xa ungaxoleli. Kuleminyaka ke ikhethekileyo, ndiye ndafunda okokuba kufuneka ubulali, kufuneka ufunde kwaye uyazi impazamo ziyenzeka.

Owona Mfanekiso ndiwuthandayo

Uyakufumana imifanekiso ka Mandela ezimisele, ngamanye maxesha ebambe umntwana, maxa wambi uyadanisa okanye uyaxhentsa. Yindoda ke le inkoliso yabamhlophe eMzantsi eyayicinga inganomahluko. Endaweni yokufezekisa olona loyiko lwabo abakhuphe kweli lizwe, waveza izandla zoxolo, wathi ‘Yizani, masisebenzeni Sonke, masakheni eli lizwe Sonke.

“Kukho intlantsi emehlweni akhe xa ekhumbula lomzuzu owadala koyena mfanekiso awuthandayo kwincwadi yakhe ethi Man of the people:A photographic Tribute to Nelson Mandela. Le ke ifoto, yeka Mandela edanisa kubhiyozo lwemini yakhe yokuzalwa egqiba iminyaka engamashumi asixhenxe anambini (72).

lemifanekiso yathabathwa eKippies eNewtown, eJohannesburg. Luyabonakala uchulumanco lwenkululeko emehlweni akhe luthe thaa’. Mhla uPeter wanikela ngemifanekiso engapha kwe khulu ku Nelson Mandela, wathi ndifuna ukubulela Madiba ngokundithemba, nokundivumela ithuba lokushicilela lengxenye yobomi bakhe.’ Ngamazwi ka Nelson Mandela, imifanekiso yamabali ka Peter Magubane yemini zocalucalulo, Zanceda ukwenza indlela eya kwinguquko eMzantsi Afrika.’ Endleleni uPeter wenza amadini amaninzi.

Amaqhawe Omzabalazo Avalelwe eRobben Island

Iinkokheli kunye nabameli bombutho we African National Congress yaba ngabantu bokuqala ukuvalelwa. Bakhawuleza balandelwa ngabameli bemibuth...more