Springbok
Ibhadi

© Nigel J Dennis

Igama

Ibhadi [Antidorcas marsupialis]

Inkangeleko

Iinkunzi zinobunzinma obufikelela kuma 50 kg, zize imazi zibenobufikelela kuma 37 kg kuphela. Umbala walo ogqamileyo uzenza zikhawleze ukuqapheleka. Amagxa alo abonakala esezantsi kunemilenze yalo yangasemva. Umzimba walo wangentla ufana nombala we Toboyi, uze umphantsi walo ubemhlophe kunye nemigca emikhulu emdaka ngebala kwimikhono yomibini ukuyokutsho ngasemva. Linomsila omfutshane othambileyo othsakathsaka. Umva walo uphawulwe ngebala elingunxantathu. Linawo nomgca omdaka ngebala entla kwemilenze yangemva. Iinkunzi zemazi zinciphile kwaye zimfutshane kunezo zenkunzi.

Isidlo

Amabhadi ayakukhetha ukutya amawakutye, isidlo sawo siquka eyona ngca isemgangathweni kweloxesha. Liyakhethakhetha ngexesha ekungekho mvula ngalo kwaye ubukhulu becala litya amadlelo emva kwexesha Lemvula xa Kanye ingca iseluhlaza yaka. Liyazithanda iintyatyambo ezifana ne Acacia, kwaye lisela amanzi xa. Ekhona. Xa enqabile amanzi zithi lithi likhawulelane noku ngokuthi litye iingcambu nengqakumba zomhlaba ezizele ngamanzi.

Ukuzala

Ukukhwelana kumiselwa umlinganiselo weveki okanye ezimbini, nangona lenyamakazi ikwazi ukuzala nangeliphi ixesha enyakeni. Emva kokumitha iiveki ezili 25, itakane elinye liyazalwa. Amatakane ayafihlwa kwintsuku ezimbini zokuqala emva kokuba ezelwe. Ezinye imazi zizala rhoqo ngonyaka, ezinye zizala izihlandlo zide zzibezibini. Amatakame alunyulwa ebeleni xasele ekulungele ukukhwela abe enenyanga ezisi xhenxe.

Ukuziphatha

Zimazi zodwa ezikwazi ukuvula amathuba okukhwelwa. Ngaphandle kwenkunzi ezinobango ngendawo, zona zikhetha ukuzihlalela kwindawo zazo. Ukwakhiwo komhlambi kuyatshintsha-tshintsha

Intlalo

Ibhadi lihlala phantsi kwemeko ezimaxongo, apho nantoni na ilindelekile. Zikholwa ngamathafa, izigingqi zemilambo etshileyo kunye nengca emfutshane. Aziyifuni ingca ende.

Apho afumaneka khona

Ibhadi yeyona nyamakazi ikho ngobuninzi kumbindi nasentshona yo Mzantsi Afrika. Eminye imihlambi isazi zula-zulela kwindawo zazo zendalo, kodwa unintsi ngoku lugcinwa kwi fama nakwi reserves. Ziqhelekile kwi reserve zabucala ezephondo nezelizwe.

Amanqaku asendle

Amabhadi ngokwamakhulu amawaka awo ayezula zula ingingqi ezomileyo zamazantsi e Afrika ngethuba Kwakuqala ukufika abaphambukelo, kodwa imihlambi yakhawuleza yancipha namhlanje afumaneka kuphela kwindawo ezikhuselekileyo neefama. Iqela lebhola yomboxo welizwe lase Mzantsi Afrika libizwa ngokuba zi Springbok, Amabhadi ukutsho oko.