Serval
Ihlosi

© Shem Compion

Igama

Ihlosi [Leptailurus serval]

Inkangeleko

Lekati ibuncincane ngesakhiwo ima ku 500 mm emagxeni. Umva, iindonga kunye nomsila zigqunywe sisikhumba esimdaka ngombala, esinemigca emqolo kunye namabala amnyama kwiindonga nasemsileni. IHlosi linenyawo ezinde kunomzimba wayo ongamanyawo amathathu ngobude, xa imile ingange intshizi eziyi 20 kubude begxalaba.
IHlosi linentloko encinci kodwa ende iphinde ibenendlebe eziqanda eziphawulwe ngemigca emhlophe namnyama emva. Kuye kwabonakala ukuba ihlosi lisebenzisa ezimpawu zayo ziyimigca ukutheths nezinye iintlobo zezilwanyana. Ubumnyama behlosi buyafumaneka kwiindawo ezigcwele amahlathi.

Itya ntoni

Ubuninzi bokutya beHlosi buquka amagundwana ingakumbi iimpuku. Iintaka, amasele, izininambuzane, kunye nezilwanyana ezirhubuzayo kanye nentlanzi ziyasinceda isondlo sayo.

Ukuzala

Inzalo yekati ezintanthu ukuya kwisine, zizalwa kwingca engqindilili. Ixesha lokumitha lithatha iintsuku eziyi 68-72. Iinzalo zenzeka pha kweye Hlobo. Zizalwa zinezikhundla kodwa ukuzikhusela, umama ozozikhusela amane ezifihla endaweni ezahlukileyo. Oku kwenza ukuba inzalo yeHlosi ibenzima ukuyifunda.
Njenge ngwenkala, umama ukhulisa iikatana zakhe zodwa amane azishiye xa eyozingela. Xa amathole sele ekhulile ukuba ayozingela, umama uzoqhuba iinkunzi ngaphandle komhlambi wakhe. Iimazi zizohlala zodwa ade umama avuthwe. Bazoqhutyelwa ngaphandle ngumama ukwenzel’ukuba zikwazi ukuzakhela ezazo iindawo.

Isimilo

Zithanda ukuhlala zodwa, ngaphandle xa zikhwelana okanye imazi ikhatshwe lusana lwayo. Ikhaya leHlosi lisuka pha kwi 15-30 sq. Iindidi zamakhaya azikhethakanga kodwa abahlali abazukudibana. Uphawu lwevumba lwenziwa ngumchamo kunye nekaka. Iinkunzi zigcwele kwiindawo ezinkulu okungafaniyo nokwe mazi. Azibambeki, zinentloni, iHlosi zithanda ubusuku kodwa zizingela ngokubona kwaye zinesandi ngaphezu kwevumba.
Kwingingqi zase Afrika apho le kati ingaphazamiseki khona ziyasebenza nasebusuku. Inendlebe ezibukhali kakhulu kwaye iyakwazi ukufumana isilwanyane esihamba phantsi komhlaba. Xa isiva isizulu sayo, iHlosi lizochwechwa ligxume, lisigqwenge. Iyathanda ukudlala ngokutya kwayo phambi kokuba itye. Lekati inezandi ezininzi. Xa izikhusela zonyusa umqolo zikhulunge kakhulu.

Indawo yokuhlala

Ithanda ukuhlala kwindawo efumileyo enengca, ende kwaye enemigxobhozo. Okukuzikhethela kuzala ulwabelano oluvumela iinginqi ezininzi.

Zifumaneka phi

EMzantsi Afrika iHlosi lifumaneka kuMntla wephondo, eMpumalanga, KwaZulu-Natal, Drakensburg nase Lesotho. Oludidi lweHlosi lubhalwe njengodidi olunqabile kwincwadi ye Red Data.

Amaxhalanga

Iintshaba zemvelo zeHlosi yiNgcuka, Inja yasehlathini kunye neNgwe.

Izibalo ezibalulekileyo

Ubunzima bomzimba (Imazi): 8,6 - 11,8 kg
Ubunzima bomzimba (Inkunzi): 8,6 – 13,5 kg
Ubude (Imazi): 110 cm
Ubude (Inkunzi): 110 cm
Ixesha lokumitha: 2 iinyanga
Inani lobuncinci: 1 – 3 iikati
i-Oda: Carnivora
Usapho: Felidae
Ukuzala: 1-4 ezincinci zizalwa ngeyoMsintsi/ eyeDwarha nekaTshazimpunzi emva kwexesha lokumithisa elingange nyanga eziyi 2.

Inkcazo ka Spoor

Xa uyifanekisa ne-Ngqawa, iHlosi line nyawo ezimxinwa, isibotho esiphambili konyawo asigqamanga kakhulu. Iimikhondo ingabonakalisa ukubothoka kwempawu zenzipho.