Roobernet

© Glenneis Kriel

Inkcazelo

Roobernet ngumdiliya we wayini ebomvu owaveliswa eMzantsi Afrika ngeminyaka yoo 1960 ngu Prof Chris Orffer ngokudibanisa i Cabernet Sauvignon kunye ne Alicante Bouschet. Iyafana ne Pontac, Roobernet yindidi ye teinturer– inyama yayo yangaphakathi namanzi wayo ibomvu endaweni yokuba bomvu njengeminye imidiliya ebomvu.

Imvelaphi

eMzantsi Afrika

Amanye Amagama

Awekho

Imveliso eMzantsi Afrika

eMzantsi Afrika, igcuntswana lwama 270ha lwe Roobernet lulinywe kwingingqi ezahlukeneyo kunye neyona fama indala ishicilelweyo eyalinywa ngomonyaka ka 1996 e Stellenbosch.

Iingingqi Eveliswa kuzo eMzantsi Afrika

Inkoliso yezityalo ze Roobernet zingafumaneka kwingingqi zase Breedekloof (56ha), eRobertson (52ha), eSwartland (42ha), ePaarl (43ha) nase Stellenbosch (32ha)

Ukukhula

Iyachuma kwaye ikhula ime nqo. Ithwala isivuno esenza i 8 – 14 ton/ha. Ubuchule bokusixhasa- trellis, kuncedisana nokunqanda ukuchuma kwayo kakhulu.

Ukuvuthwa

iRoobernet ivuthwa esiphakathini sexesha lokuvunwa, njenge Cabernet Franc. Umlinganiselo wokuvunwa kwezivuthiweyo ungama 21—23° Balling nezinga le asidi elikwi of 6-7 g/l.

Amagqabi

Amagqabi aluhlaza ocacileyo, amenyezalayo aphakathi ngokomlinganiselo, arawndi kwaye anamacala anzulu amahlanu.

Amagaqa Omdiliya

Imithi ye Roobernet ithwala ibhantshi ezinkulu ezingaxinenanga kunye namagaqa arawndi, amancinci, amnyama. Amaxolo aqinile anenkangeleko eshwabeneyo xa sele evuthwe ngokupheleleyo. Amanzi abomvu okwegazi.

Izonakalisi Nezifo

Lomdiliya uyaxhathisa kukubola (botrytis rot) kodwa uchaphazeleka lula kwi oidium,i downy mildew, dead-arm (streepvlek) kunye ne dying arm (tandpyn). Yaziswa kwezoshishino lase Mzantsi Afrika njenge “ xilongiweyo kwintsholongwane” ngenxa yokukwazi kwayo ukuguzula intsholongwane eziyichaphazeleyo (somatic embryogenesis). Iyakwazi ukumelana nomoya kodwa inkenenkene kwimbalela.

Imisebenzi

Isenokusetyenziswa ekwenzeni iwayini ebomvu ingangxengwanga neminye imidiliya, kodwa iRoobernet ikwangumlingani olungileyo kwezinye ngenxa yombala wayo onamandla.

Isetyenzisiwe ngomnyaka ka 2001 kwelase Fleur du Cap kunye ne Pinotage ukuvelisa uxube okhethekileyo wase Mzantsi Afrika kunye ne Cape Ruby port style Roobernet eyenziwa ngu Jacques Smit. Kuyakhuthazwa ukunciphisa ukuyidibanisa nolusu ngethua isavundiswa.

Incasa

iRoobernet iphawulwe njenge nencasa engaqhelekanga (kwi wayini ebomvu) yengca kodwa ikwanazo nencasa zamaqunube nezamandongomane.

Ngenxa yombala osele ukhona wamanzi ayo abomvu, ngumdiliya onambithekayo kwaye ingavelisa iwayini ezinombala ocacileyo phantsi kwemeko ezipholileyo naku mhlaba otyebileyo phakathana okanye otyebe kakhulu. Phantsi kwezi meko, ezi wayini zibonakalisa impawu ze Cabernet Sauvignon zengca nencasa zamaqunube.

Translated by Zizipho Silwana