Oryx
Inkukhama

© Karl Svendsen

Igama

Inkukhama (Oryx gazella)

Inkangeleko

Inkukhama inomoya ntlango yase Namibia, ukodula zonke ezinye inyamakazi. Ibasekhaya kwi ndawo ezithe thantalala nezingenamthunzi phantsi kwelanga eligqatsayo ibe igqunywe yimithi enqongopheleyo enameva. Yinzalelwane yasentlango yoqobo, yakhiwe okwehashi inamandla angakholelekiyo nokuncekelela, but iphile ngengca ebhityileyo nenqongopheleyo yasentlango.
Xa ithe yanqatyelwa ngamanzi okusela isebenzisa amacebo okunciphisa indlela izinga mzimba walo othi udinge amanzi, ngokuthi ivumele iqondo lobushushu lomzimba linyuke kweliqhelekileyo elingama 35.7*C liye kuma 45*C (113°F) yandule isebenzise isipholisi solophu ngokuphefumlela phezulu ngempumplo nangokubila. Iye yenze nomchamo wayo ujiye ize ifunxe ngomzimba bonke ubumanzi enothi ibufumane.

Isidlo

Inkukhama itya kakhulu amagqabi anezinongo, ingca, namahlamvu. Ngexesha lokoma itya intyatyambo kwaye ikhangele nokunye ukutya okufumanekayo. Ukuze ikholise unxano inkukhama igrumba izityalo ezinamanzi itye ne vatala ze tsama

Ukuzala

Nangona inkukhama ingena xesha lithile lokuzala,ivamise ukuzala ithole libelinye emva kokumitha ithuba eliqikelelwa kwinyanga ezilithoba. Ukukhwelana kuye kubekho phakathi kwe mazi ezifunayo nenkunzi elawulayo kulondawo.

Ukuziphatha

Umhlambi weemazi,kuquka nowenkunzi ezingahoyanga kulawula indawo, zinqumla phakathi kwendawo enenkunzi ezilawulayo. Ukuze zizikhwebule emlweni nezinkunzi,ezi nkunzi zingalawuliyo ziye zizithobele zonke intshukumo zobundlobongela ezithi ziqalwe zezo zilawulayo.
Ukuziphatha kwezi zilwanyana kugxininisele ekongeni amanzi namandla. Ebushushwini belanga zithi zingqengqe phantsi kwemithunzi yemithi. Apho kungekho khona mthunzi, zisebenzela ukuba umzimba uvele kancinci kangangoko kubushushu belanga. Inkunzi ezizodwa ziqhelekile, waye zaziwa ngokubulala ingonyama ezihlaselayo ngokuthi zizihlabe ngamaphondo azo omeleleyo.

Intlalo

Zikholwa kukuhlala kwimihlaba eyomileyo enengca, kodwa zingahlala nakwi ndawo ezahlukeneyo ezifana namageduka anamatye asentshona Namibia, iziduli zesanti zentlango yase Namibia nakwi Kalahari ye ntlango.

Apho Zifumaneka Khona

Inkukhuma zingafumaneka kwi game reserve ezininzi ku Mzantsi Afrika wonke kwaye zibuyiselwe ngokuyimpumelelo kwingingqi ebesele kukho amarhe wokuba ziphelile kuzo.

Intshaba Ezizinqolobayo

Iingonyama, amahlosi, iingcukacheya kunye nama Xhwili zinqoloba inkukhuma kunye namathole ingakumbi ango abuthathaka, zandisa kwinani elihleli liphezulu lwe nkukhamaezifayo.

Inkangeleko

Yinyamakazi enkulu eneziphako ezicacileyo emnyama nemhlophe ebusweni nasemilenzeni, nemigca emnyama emikhonweni nomsila omde omnyama. Amagxa enkunzi alinganiselwa kwi 1.2 m zize zifikele kubunzima obungama 240 kg. Zombini iinkunzi nemazi zinempondo. Iimpondo zenkunzi zimfutshane kwaye zityebile kunezo zemazi.

Amanqaku Asendle

Eligama lithi Gemsbok lithathwa kwinyamakazi eyi Chamois yase Europe kwaye liguqulelwe kwi Afrikaans lisuka kwisi Dutch. Iimpondo zenkukhama zibufana nomkhonto kwaye zaziwa ngokuhlaba zibulale iintshaba ezizama ukuzihlasela.