Natal Mahogany
Umkhuhlu

© Shem Compion

Igama

Umkhuhlu [Trichilia emetica]

Igama lesi-Latin

Trichilia emetica

Inkcazelo

Lomthi mkhulu, usoloko eluhlaza kwaye unomqhele wayo usetyenziswa ukuhlutha umthunzi okhasa. Amagqabi wayo mahle kwaye ambala omenyenzelayo bumnyama bumhlophe. Ivumba elimnandi lentyatyambo limbala okhrim buluhlaza kwaye zifumaneka kumasebe aqininileyo. Iyakwazi ukumelana nembalela yasebusika kunye neqabaka. Umqhele ugidilili kwaye umbala omnyama buntsundu bungwevu.
Lo ngumthi onamagqabi avuthulukayo, kwaye ukhula kangange mitha eziyi 20. Incindi yawo Ibiza iinyosi kunye neentaka. Iziqhamo ezirawundi ziyohlukana xa zikhula, ziveza uphawu lwembewu ebomvu namnyama ezityiwa ziintaka. Njenge siqhelo lomthi uvelisa iinkunzi zetyatyambo, yiyi lonto ingaqhamisi.

Intsebenziso

Inkawu itya iintyatyambo, iimfene kunye ne-impala zitya iziqhamo. Abantu bengingqi bafaka imbewu yawo emanzini, bayiyeke ide ibengathi inobisi, apho bayitya khona nemifuno. Iimbewu iyatyiwa ngolunye uhlobo lwentaka. I-oyile iyathathwa kwimbewu isetyenziswe njengento yokuthambisa okanye yokunyanga amathambo.
Umqhele wona wenziwa umgubo, apho unceda khona ekuphalazeni naxa kutofwa, ingasetyenziswa ukwenza idayi epinki. Iintyatyambo zivela pha kweyeThupa ukuya kweyeNkanga futhi iziqhamo zona zivela pha kweyoMnga ukuya kwekaTshazimpunzi. Iinkuniz kwenziwa ngazo izixhobo zomculo. Izinto zasendlini, ifenishala, amalulwane kunye neenqanawa.

Indawo yokuhlala

Zifunyanwa kwindawo enamathafa kunye nemilambo enamahlathi. Ziyafunywana e-Sudan ukuya KwaZulu-Natal.

Ufumaneka phi

Imithi yemikhuhlu ifumaneka kwingingqi ezahlukileyo ezifana nephondo laku Mntla, KwaZulu-Natal eMzantsi Afrika.

Impawu zasendle

Nangona imbewu yoMkhuhlu ityeka kubalulekile ukuqaphela ukuba umphandle wembewu ukwanetyhefu.