Izindlu Ezifunekayo zee Nkomo zo Bisi

© Louise Brodie

Uhlobo lwendlu olusetyenziswayo nezitendi ezizodwa okanye iindlwana nazo zingasetyenziswa njengoko kudingeka indawo encinci engumlinganiselo we 10 m2 isilwanyane ngasinye. Esisakhiwo singa khusela iinkomo kwilanga lase hlotyeni, ebumanzini kunye nodaka elinoku khokhelela kwisifo imastitis kunye nokubola kwenzipho. Ukuphela komgquba kungalawulwa.
Umgxuma wokugcinwa komgquba kufuneka ubekhona ukuze uthintele ungcoliseko lwemithombo. Umphantsi owenziwe nge konkrete zezona zilungileyo kwinkomo zobisi, lilonke iinkomo kufuneka zibene ndlela yokuya endaweni enomhlaba yokuzilolonga ukwenza ixesha lokuba ziphumle ukuze kungabikho ziingxaki zamazipho. Ezinye iindawo ziquka iindawo zokugcina ezoneleyo zokutya (ingca nemixube) nendawo yokuxuba ukutya phambi kokuba kutyiswe izilwanyana. Oku kufuneka kusondele kwindlwana kwizindlu zenkomo ukwehlisa umsebenzi.
Uhlobo lwezindlu eluluqilima oluxhasa ukuhlala kwazo zonke izilwanyane kumhlambi wenkomo zobisi kufuneka wenziwe ngu chwepheshe wezindlu zezilwanyana. Indawo zokutyela kufunea zibese caleni kwezi zindlu ezikufutshane ekutyeni ukuze kube lula ukutya. Indlela ebekwe ngayo indlu ixhomekeke kwimi moya (nokungena komoya) kunye nemvula. Ukuhamba okanye ukungena kwelanga kufuneka kucingelwe nako kuba iinkomo kufuneka zikhuselwe kwi langa logama izilwanyana zisitya kwizitya. Izitya zokutyela kufuneka zijonga ngase mazantsi kwesakhiwo nephahla elaneleyo ngaphezulu ukukhusela ukutya emvuleni.

Izakhiwo Zokusengela

©Chris Daly
Isakhiwo esise caleni esingenalo uthuthu okanye indawo iyafuneka xa kuza kusengwa iinkomo. Kwindawo ezincinci zemveliso, kusengwa ngesandla okanye ngokusebenzisa umatshini wokusenga ohanjiswayo.
Amanzi ashushu nabandayo kufuneka abekhona ukuvasa iingono phambi kokusenga nokuvasa umatshini wokusenga nama pheyile okusenga kwaku gqitywa. Indawo yokomisa amapheyile okusengela nendawo yokugcina izixhobo iyafuneka. Iindawo enkulu yokugcina ubisi ingapholiswa kwaye kufuneka ibekhona ukuze kugcinwe ubisi.

Translated by Zikhona Plaatjie