Izibalo Zogcino Lweenyosi eMzantsi Afrika

©Dr Tlou Masehela
Sunflower is an allergenic plant and needs insects when flowering (especially honeybees) for seed production.
Iprofayili yabafuyi beenyosi eMzantsi Afrika ayohlukanga kakhulu kunamanye amazwe. Isiqingatha esingange pesenti yesihlanu sabafuyi beenyosi eMzantsi Afrika bangabanikazi bomhlaba abagcine kuwo iinyosi. Abafuyi beenyosi baxhomekeke kubanikazi bomhlaba, abazimeleyo, urhulumente okanye iindawo zolondolozo lwendalo, ukuxhasa ufuyo lwabo lweenyosi.
Izibalo zofuyo lweenyosi eMzantsi Afrika lunqabile, kodwa ngonyaka ka 2017 uMzantsi Afrika uvelise itoni eziyi 1 500 zobusi ngonyaka, xa ithelekiswa neetoni eziyi 3000 kwiminyaka eyi 25 edlulileyo. Kube khona ubungqina obuchaza ukuba iitoni ezingaphezu kwe- 3000 zobusi, zingeniswe minyaka yonke, ziphuma e-China. Uthutho lwangaphandle lobusi eMzantsi Afrika, lona belunqongophele.
Xa uluthelekisa namanye amazwe akuMzantsi wehlabathi, uMzantsi Afrika awuveli njengelizwe lwemveliso yobusi. Kuqikelelwa ukuba ibubu leenyosi elingange 200 000 liphethwe eMzantsi Afrika, into engafaniyo nase-Australia kuba lingange 650 000 kwaye eNew Zealand lingange 450 000. Amazwe i-Chile ne-Argentina abonisa amanani abufana ne-Australia kunye ne-New Zealand. Omane lamazwe akwintengiso yezangaphandle yothutho lobusi, nangona i-Argentina ivelisa ngaphezu kweetoni eziyi 70 000 ngonyaka.

Intlekele Yeenyosi Ezintathu eMzantsi Afrika

Ngonyaka ka 2017, izinga loshishino lofuyo lweenyosi eMzantsi Afrika, lwabaphantsi kakhulu ngenxa yentlekele ezintathu ezathi zenzeka ngalonyaka. Kwiminyaka i-1990’s, inyosi yasekapa (Apis mellifera capensis) yangena kumaphondo asemantla woMzantsi Afrika, apho inyosi yaseAfrika (Apis mellifera scuttelata) yayifumaneka khona. Kwaye ibonakalise ukuba inempembelelo embi kufuyo lweenyosi kumantla wezwe.
Okwesibini, ngo 1997, incukuthu ebizwa i- Varroa destructor, yazinza eNtshona Koloni kwaye yasasazeka kwilizwe lonke.
Intlekele yesithathu yenzeke xa isifo esoyikekayo esibizwa nge-American foulbrood, ubhubhane wesifo ofumaneka kuhlobo oluthile lweenyosi nalo lwabonwa eKoloni ngonyaka ka 2009. Intsholongwane yosuleleka lula, ngokusasazeka phakathi kwendlwana zeenyosi ngenxa yendlela ezifuywe ngayo ezifana nokutshintshwa kwezixhobo zokusebenza kunye nokuthuthwa kobusi obusulelekileyo. Kulindeleke ukuba isasazeke emantla wezwe eminyakeni eyi 5 elandelayo (2022).

Translated by Aviwe Damane