Izakhamzi Mzimba Zokongezelela Kwiibhokhwe

© Marinda Louw
Iibhokhwe zizilwanyana ezikrele-krele kwaye zikhululekile ukuba zitye imifuno, ukhula kunye nezinye iingcambu zezityalo, zona zinomlinganiselo we-minerali ophezulu. Iibhokhwe zidinga amandla, i–protheyini (protein), izakha-mzimba, i–minerali, izityalo ezomileyo (ngobuninzi) kunye namanzi, kube apha kuzo i–protheini (protein) iyeyona ixabisa kakhulu. Ukushokoxeka kwezakhamzimba kunye ne–minerali ingaphazamisa ukuphila kwesilwanyana kwaye idale iingxaki ngokwempilo. Izidlo ezomileyo zibalulekile ukuze zigcine isimo sendalo esinempilo futhi zinqande ukuphazamiseka ekucole ukutya, njengokuba amanzi ingawona afikelelekayo njengesongezelelo ekutyeni kwaye ibe ingawona angahoywanga.

Izakha Mzimba Ezidingwa Ziibhokhwe

Isakhamzimba u–A ulwa izifo kwaye ukushokoxeka kwakhe kungadaleka ukungaqondisisi ngengqondo, ukuphuma kwesisu, isifo samehlo, iingxaki zesifuba, kunye norhudo. Xa ibhokhwe icola ukutya ivelisa isakhamzimba u-A osuka kwi-carotene, ofumaneka kumbona, iminqatha kunye nokutya okuluhlaza, kodwa inqabile kwi ngca i-hay endala nakwingca yamadlelo.
Isakhamzimba u-D ubaluke ekuncedeni ukufunxa i-calcium kunye ne-phosphhorus kwaye kudingeka ilanga eloneleyo kuze kufumaneke isakhamzimba u-D owoneleyo. Ukushokoxeka kungabanga ukungakhuli.
Isakhamzimba u-E ubaluleke ekuncedeni umgangatho wobisi kunye nokuzala. I sakhamzimba u-E ufumaneka ekutyeni okutsha okuninzi, kodwa uphela msinya ishiye ingca i-hay kunye ne-greyini (grain) zikukutya okungenasondlo. Ukushokoxeka kubanga ingxaki zentliziyo kunye nomsipha osemathanjeni. Intambo zemisipha ziphelelwa libala kuloko zibizwa ‘isifo somsipha omhlophe’. Lemeko ayifane yenzeke emadlelweni okanye kwingca yamadlelo kwaye Izilwanyana ezingatyiyo emadlelweni kumele zinikwe ingca i-hay ekumgangatho ophezulu.
Izakhamzimba u-C kunye no-K ziyafumaneka kwingca kunye ne-hay. Ziyakwazi nokuveliswa nange bhaktheriya (bacteria) esemathunjini (isakhamzimba u-K) okanye kwisibindi kunye nezintso (isakhamzimba u-C). Iibhokhwe kunye nezinye Izilwanyana ezinamathumbu zine bhaktheriya (bacteria) emathunjini edala isakhamzimba u-B kodwa izibulali ezisethunjini ngaphakathi ziyakwazi ukusiphelisa esisakhamzimba u-B. Ukunqongophala kwezi zakhamzimba kungakhokelela kwi-cerebrocortical necrosis, isimo esidala iimpawu zokuphazamiseka ngokwengqondo. Lento ikhokelela kwi-necrosis (ukufa) kwamajoni omzimba engqondweni ngenxa yokushokoxeka kwe thiamine (isakhamzimbau-B1).

Translated by Aviwe Damane