Iti iRooibos

© Leonie Joubert

iRooibos (Aspalathus linearis) lihlala lembotyi eliveliswa kwintaba zase Ntshona Koloni, intsusa ise Mzantsi Afrika. Ikhula ukuyokuma kubude be 1,5m kwaye inamahlahla amaninzi ahlaza akhazimlayo, afana nenaliti.

Amagqabi (amahlahla asikwa ngo 50cm ukuya phantsi) ayavunwa kwaye kwenziwa njengesiqhelo ukuvundiswa iiyure ezilishumi elina mbini. Okubizwa ngokuba yi “Enzymatic oxidation” kuyenzeka, amagqabi ke atshintshe kumbala oluhlaza abemdaka (brown). Ekugqibeleni ibholani ngesi xhosa (rooibos) isasazwa elangeni ukuze yome. iRooibos eluhlaza (engadidiyelwanga) iyavunwa, isikwe, yomiswe kwangoko ngaphandle kokuvundiswa ivelise iti enombala ongatsalanga kune rooibos yesiqhelo.

Le-ti ingena khafini (caffeine) idume ngokuba lilo iyeza elibandakanya ukuthomalalisa amathuba okufumana umhlaza. Ikhuselekile ukuselwa nangabantwana kwaye ingasetyenziswa ukunceda isisu esibuhlungu, ingxaki zesikhumba kunye nerhatshalala eyenziwa zikhimbi/amalweyile ebantwaneni. I-polyphenols (ikhemikhali ezingaxutywanga ezine antioxidants) kwi ti ye rooibos zichasene nokudumba nobuhlungu, khusela amajoni omzimba, ikhusela ne DNA (anti-mutagenic) kwaye iyakwazi ukukhusela umzimba kwizitshabalalisi zomzimba ezenza umhlaza neengxaki zentliziyo. Ibizwa ngokuba yi aspalathin, enokunceda ekunyangeni isifo se swekile ngokulinganisa izinga leswekile emzimbeni, kwaye yandise noku funxwa kwe glukhosi ngumzimba.

Le-ti inganceda ukuthoba uxinzelelo lwegazi (blood pressure), isebenza njenge yeza ukunceda iingxaki zokuphefumla kwaye inceda ukwakheni i-HDL cholesterol (elungileyo). iRooibos ine hydroxy acid ne zinc (Zn) enokunceda ingxaki sesikhumba ezifana namaqhakuva asebusweni ne eczema kwaye inako ukupholisa ulusu olutshiswe lilanga. I-antioxidants ezifumaneka kwi rooibos zithomalalisa ukukhula ngokutshabalalisa izonakalisi zolusu. Logama amazinga aphezulu we manganese (Mn) kunye ne calcium (Ca) anokunceda ukwakha nokudibanisa amathambo.

iRooibos iyafumaneka njenge ti, iziqhumisi, nokusetyenziswa (kumanzi abandayo okanye ashushu) nokusetyenziswa kwi siselo i-(iced tea) njenge sincasanisi kunye nakwiziqholo zokuthambisa. Esi sityalo sikhula kakuhle kwindawo ezomileyo kwaye sikhetha indawo enesanti ekwaziyo ukufunxa, ne pH engu 4,5 ukuya ku 5,5. Imbewu ityalwa kwibhedi yembewu kwaye inga sasazwa ngoku nqunyulwa. Intethe yezulu yeyona nkumbi edlayo kunye ne (horsetail), elikhula lifumaneka ecaleni kwe rooibos. olukhula kufuneka lisuswe ngesandla okanye ngomatshini.

Isufungo Ngamayeza

Ezinkcukacha zezokufundisa nokwazisa kuphela kwaye azifanelanga ukuthathwa njenge ngcebiso kaGqirha. Olu lwazi alunazo injongo zokuthatha indawo ye ngcebiso namayeza ka Gqirha okanye unyango olunikezwa ngabezempilo ngoku semthethweni.

Translated by Zikhona Plaatjie