Isimo Sezulu - Ubushushu Bendawo Ehlala Iinkukhu

© Glenneis Kriel
Isimo sezulu singane galelo kwimpilo yenkukhu, ingakumbi xa intaka zigcinwe ezindlwini. Kuquka ulawulo lobushushu, ukufuma nokungena komoya.

Ubushushu

Umlinganiselo wobushushu kwizindlu zenkukhu uyohluka ngoko hlobo lwenkukhu, nenkukhu ezithile ezinje ngemiqhagi, ezikwaziyo ukumela isimo sezulu esishushu kunezinye intlobo. Imiqhagi kwelinye icala iyakhawuleza ukufumana ingqele, ngoko ke kuyavakala ukuvelisa uhlobo olu kwaziyo ukumelana nemeko zonke zesimo zezulu ingakumbi xa Inkukhu ziza kugcinwa ngaphandle.

Obona bushushu bokugcina iinkukhu kuxhomekeka kukufuma. Eziyibka amaqanda ezithengiswayo kufuneka zigcinwe kubushushu obuphakathi ko 20°C ukuya ku 24°C. Intaka ziye zitye ukutya ngethemba lokuzigcina zishushu ngo 1°C nangaphantsi, nangona imveliso yamaqanda nokudliwa kwawo iphazamiseka xa ubushushu bungaphezulu apha.

Ubushushu bendlu zenkukhu zenkukhu zenyama ezthengiswayo zixhomekeka ebudaleni. Njengomthetho amantshontsho amadala adinga ubushushu obungu 34°C ukuze aphile kakuhle emveni koko ubushushu bungehliswa ngo 0,3°C ngemini de ifikelele ku 20 degrees kwiveki yesine.

Izixhobo zokujonga ubushushu kufuneka zimele edolweni ukusuka ezantsi ukujonga ubushushu kwindawo ezahlukeneyo kwi ndlu yenkukhu, namafama kufuneka azijonge iinkukhu zawo ukuqinisekisa okokuba zihleli kakuhle. Inkukhu ezigodolayo ziqukana endaweni enye ukuze zifudumale, nangona ezo zishushu zingahlali kwindawo enye kwaye zihlalela kude kwindawo ezishushu. Iinkukhu ezishushu ziye zikhefuzele zifune umoya.

Xa Kubanda

Indlela ngendlela ezithile zingasetyenziswa ukunyusa ubushushu, ukusesela umbaneni nakwi rhasi, isolar, nemithi. Ezi ke zingazisebenzela okanye zenziwe ngumntu.

Xa indawo zemveliso zibanda, kungalicebo ukulima ne nkukhu ezindala kwaye ziyakwazi ukumelana nengqele kune nkukhu ezivelisa inyama ezaziwa ngokuba zi broiler chicks okanye ukucwangciswa imveliso ukuzama ukususa intaka ezindlini ngalamaxesha.

Xa kusetyenziswa izakhiwo ezivulekileyo, ifestile zinga valwa ngemidiyadiya ukugcina isakhiwo sishushu.

Umoya kufuneka usetyenziswe ukuze ubushushu bufikelele kwindawo yonke endlwini. Ubushushu obungafikeleli kwindawo yonke bungenza ezinye intaka zikhule msinya kunezinye, kwaye nee ntaka zingavani ncam.

Indawo yemveliso ingaphungulwa ngokohlula kubini indawo yemveliso yomdiyadiya xa intaka zisencinci.

Izakhiwo kufuneka zisamentwe zibeno bushushu ukuthintela ingqele ezibandayo.

Ubushushu Buchaphazela Indlela Ukutya Kucoleka Ngayo Emzimbeni Weenkukhu

©Glenneis Kriel

Imagazini ebizwa nge Farmer's Weekly inezingcebiso zilandelayo:

Umoya kufuneka wongezwe ukuhambisa umoya oshushu emantshontshweni. Oku kungenziwa ngoku ngokuvula imidiyadiya okanye ngokusebenzisa ifeni ukuzisa umoya.
Xa intaka ziluhlobo lwe free range, kufuneka zibenawo umthunzi.
Intaka kufuneka zifumane amanzi abandayo azilungeleyo. Azisokuze ziwasele amanzi xa eshushu.
Ukutya makususwe ngamaxesha ashushu, kunikezwe xa isimo sezulu sipholile.
Ukutya ipellets zempuphu kufuneka zinikezwe intaka endaweni ye dusty mash ukuze zinga dlali ngamandla.
Ukutya kufuneka kuxukwe nezakha mzimba ukubuyisela ilahleko yezakha mzimba eyenziwa kukubila noku hefuzela.
Ukuphatha Inkukhu kufuneka kujongwe emini maqanda xa ubushushu buphezulu.
Ubushushu kufuneka behliswe.

Translated by Zizipho Silwana